DStv Premiership

Ndiyeza -uDuba elumkisa iPirates phambi kwedabi laseSoweto

Umdlali oselula weKaizer Chiefs, uWandile Duba, wenze isilumkiso phambi komdlalo kwedabi laseSoweto ngoMgqibelo emva kokufumana inqaku eliphumelelise iChiefs kwiGolden Arrows ngoLwesibini.

UDuba, oneminyaka eli-19 ubudala, uqale umdlalo wakhe wokuqala waze wafaka inqaku ekuphela kwalo emdlalweni nokulinqaku loluqala leChiefs kulonyaka ,kukwalelokuqala lakhe kwinqanaba eliphezulu.

AmaBhakabhaka asenethuba lokunyukela kwindawo yesibini xa benokuphumelele xa bedlala neCape Town Spurs ngoLwesithathu phambi kokuba ezi ngxilimbela zaseSoweto zihlangane ngoMgqibelo.

UDuba kuye kwafuneka akhutshwe kwisiqingatha sesibini kodwa uthi uzakube eyilungele iderby, phambi kokuba athumele isilumkiso kwiPirates.

“Asiyonto endinokuthi ndizikhathaze ngayo. Ndicinga ukuba oogqirha bazakwenza okukulungile kodwa ndiza kuyilungela i-derby,” utshilo ku-SuperSport TV emva komdlalo.

“Bafanele bandilindele kuba ndiyeza.

UDuba ukwadize ukuba iqela labaqeqeshi livakalise ukuba liyamthemba phambi komdlalo.

“Bandixelele ukuba ndiyazithemba, ndiza kufaka inqaku kuba bendisebenza nzima kuqeqesho,” wongeze watsho.

Xa ebuzwa ngenqaku lakhe uDuba uvumile ukuba uye wajonga uPhil Foden weManchester City owafaka inqaku eli phantse lifane nelakhe kwidabi laseManchester.

“Ngaba umbonile uFoden kwiManchester derby, uyibonile into ayenzileyo,ungene ngaphakathi wafaka inqaku.”