EzintshaNedbank Cup

UMofokeng wophule iintliziyo zeSundowns kumdlalo weNebank Cup eweza iPirates

URelebohile Mofokeng uphume ebhentshini wafaka inqaku eliphumelelelise i-Orlando Pirates kwindebe yeNedbank Cup ityeli lesibini lilandelelana ngoMgqibelo eMbombela Stadium.

IPirates iphumelele umdlalo idlala neMamelodi Sundowns ngo’2-1, ibuya ngasemva. 

URelebohile Mofokeng ungene kungekapheli nemizuzu engamashumi amabini, iPirates sele ilandela emva ngo’1-0.

IPirates ifumene inqaku lokulinganisa ibe yipenalti evalelweyo nguPatrick Maswanganyi. 

Kuthe xa kujongwa ukuba umdlalo uya kwixesha elongezelelweyo, kushiyeke imizuzwana, uMofokeng wayisusa loo nto.

Ibiyibhola ebethwe ngu-Olisa Ndah. Bekufanele ukuba ayiphose ebhokisini, kodwa wayibeka endleleni kaMonnapule Salenge ngasekhohlo.

Waqubuda kuMofokeng owayesebhokisini. Wabe sele ebetha uBongani Zungu ngentonga, wakugqiba wayifaka emnatheni yaphela. 

Ethetha emva komdlalo, umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena ebenyembezana.

Ukhale ngelithi bekufanele ukuba baphumelele, kodwa baphulukene namathuba abo. Uphinde wagxeka usompempe ngendlela abawulawule ngayo umdlalo.