
ISundowns iyaqhuba ayimanga iqokelela amanqaku kwiDstv Premiership
Iintshatsheli ezingoompondo-zihlanjiwe, iMamelodi Sundowns, izihambela yodwa kwiDStv Premiership emva kokuphumelela ngo 2-0 kwiChippa United ngoMgqibelo ebusuku.
Nokuba amanqaku afakiwe engekoq maninzi iSundowns ibingangeni kakuhle egiyeni bakwazile ukubetha iChippa eLucas Moripe Stadium.
UTeboho Mokoena ufake inqaku lokuqala ngomzuzu wesithoba kwiintshatsheli, ngelixa uTashreeq Matthews egqibezele izinto ngomzuzu wamashumi asibhozo anesihlanu ukuze kuphele umdlalo.
Eli ibilinqaku lokuqala like Matthews osuka kwi-IK Sirius eSweden.
Nangona belilinye inqaku ixesha elininzi kulo mdlalo iChippa ayizange ibekho ncam emdlalweni,uRonwen Williams akazange afumane ubunzima.
Ngoku iSundowns idlale imidlalo engamashumi amane ananye (41) ingabethwa kwiligi, kwaye ukuphumelela intshinga yesixhenxe kulandelelana kujongeka ngathi kugqitywe ngabadlali bakaRhulani Mokwena.
Komnye umdlalo ngorhatya lwangoMgqibelo, iRichards Bay neTS Galaxy kuye kwanyanzeleka ukuba zabelana ngamanqaku njengoko kungekho qela elifune ukugoba uphondo kumdlalo obuseKing Zwelethini Stadium eThekwini.
Kwango ngoMgqibelo, eNtshona Koloni umdlalo phakathi kweStellenbosch FC neCape Town City uphele bentanganye 1-1.
U-Asenele Velebayi ubeke i-Urban Warriors ka-Ernst Middendorp phambili kwisiqingatha sokuqala, ngelixa u-Iqraam Rayners elinganise emva kwekhefu kwiStellies.
ICape Town Spurs ngoku idlale imidlalo emine ingaphulukananga namdlalo, kwaye iqela baqala ukufumana iziphumo njengoko lizama ukuphuncuka kwindawo ephantsi.
AmaZulu neSuperSport United nabo badlale ntanganye ngo 1-1 ngelixa eDobsonville Stadium, iSekhukhune United ibethe iMoroka Swallows ngo 4-1.
