DStv Premiership

IChilli Boys neStellies zidlale ntanganye

IStellebosch siyeke ukunyathela inyoka emsileni kwangethuba ngelixa bedlala ntanganye 1-1 neChippa United kumdlalo weDstv Premiership ngoLwesihlanu ebusuku.

IChilli Boys ziqale kakuhle umdlalo nto leyo ebeke iStellies phantsi koxinizelelo. Unozinti u-Oscarine Masuluke kuye kwanyanzeleka anqande amanzi engena endlini ngelixa uMalebogo Modise odlale kakuhle kulo mdlalo efuna into ebilapha.

Iqela lasekhaya liye langena emdlalweni nokwenza u-Iqraam Rayners afumane ithuba elihle kwisiqingatha sokuqala, kodwa umzamo wakhe uye waphuma phandle kwepali.

Umdlali odlala esiswini u-Antonio van Wyk ude wafumana ithuba ngaphambi nje ngokuphela kwisiqingatha sokuqala. Ubethe ibhola esike ezantsi yayongena kwikona yepali, iqela lasekhaya lahamba phambili.

Nangona kunjalo, ibe sisiqalo esibi kwisigaba sesibini seStellenbosch, njengoko u-Ismael Toure enikwe ikhadi lakhe lesibini elityheli emva koko wanikwa imiyalelo yakhe yokuhamba ngekhadi elibimvu.

IChilli Boys zilinganise amanqaku ngenqina likaCraig Martin emva kokuba bekhawuleze naleqa iStellies wayigqibezala eyivalela epalini uMartin.

Ezi ziphumo zibeke iStellies kwindawo yesine kwiPSL ngelixa iChippa ingasukanga kwindawo yeshumi elinesibini.