Iindaba zebhola

Umqeqeshi we Pirates uculela uMbuthuma indumiso

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, u-Abdeslam Ouaddou, uliqhwabele izandla isebe lokuhlola eli qela ngokusebenza nzima, nto leyo ebangele ukuba iqela lizise uYanele Mbuthuma phambi kokuqala kwesizini.

UMbuthuma uqale ukubonakala kwiCAF Champions League ngendlela encomekayo ngethuba efaka ibhola ekhatywayo enceda iPirates ibetha iLioli yaseLesotho ngo’4-0 kumlenze wesibini kumjikelo wokuqala e-Orlando ngoMgqibelo.

Amanye amagowuli amabini afakwe nguTshepang Moremi ovutha ebomvu ukunceda iqela lidlulele kumjikelo olandelayo, apho elinye likaSaint-Eloi Lupopo kunye ne-Al-Merrikh lilalele.

Bobabini uMoremi kunye noMbuthuma bajoyine ekuqaleni kwesizini, kwaye owayesakuba ngumgadli waseRichards Bay FC ulinde uMgqibelo ukuba azichaze ngesitayile phambi koMoya.

Umdlali oneminyaka engama-23 ubudala uphume ebhentshini ukuthumela umyalezo oqinileyo kwiqela lobugcisa ukuba ufanelwe yindawo kumdlalo oqalayo echithe ixesha elide esecaleni ukusukela oko efikile.

“UMbuthuma ngumdlali omncinci. Ungomnye wabadlali abanesakhono eMzantsi Afrika.

Ndicinga ukuba isebe lokuhlola leqela lenze umsebenzi omhle ukumzisa kwiqela”, utshilo u-Ouaddou kwinkomfa noonondaba emva komdlalo.

“Ngoku inqanaba leqela lahlukile, inani labadlali lahlukile, siyazama kwaye simtyhala ukuba abe phezulu kwaye abe ngomnye wabangcono, kwaye uqhuba kakuhle.

FUNDA KWAKHONA :Ukutyhalela phambili kweChiefs kusalindwe ngsbachasi beCAF

“Sihlala simtyhala ukuze afezeke. Ndiyavuya ngomsebenzi wakhe namhlanje, kodwa usasebenza kuba usemncinci,” wongeze watsho.

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

Iingxilimbela zaseSoweto i- Pirates ngoku ziza kutshintshela kwibhola yasekhaya njengoko zibamba iTS Galaxy kumdlalo weBetway Premiership e-Orlando Stadium ngoLwesibini ngo’19:30.

One thought on “Umqeqeshi we Pirates uculela uMbuthuma indumiso

Comments are closed.