
UJohnson ucacise isizathu esenze bazilolonge ngenj’ixukuxa
Umqeqeshi obambeleyo weKaizer Chiefs, uCavin Johnson, ugxininise ukuba iqela lakhe alikanikezeli ekuleqeni indawo yeCAF Champions League kwaye uchaze ukuba bazilolonge ngonyezi (2am) ngeCawe ngenxa yezizathu zokululama.
Amakhosi azakubuyela enkundleni ngorhatya namhlanje, xa aza kuqubisana neStellenbosch FC esele ikwimidlalo elishumi elinesibhozo ingabethwa.
Njengokuba ngoku iStellies ilele kwindawo yesibini kuluhlu lweDStv Premiership, iChiefs xa inokufumana impumelelo nayo ingezibeka ethubeni elihle ukuze idlale imidlalo yeCAF.
“Yinjongo yethu ukulwela onke amanqaku asekhona ashiyekileyo,” uxelele iqela lemithombo yeendaba xa ebuzwa ngendawo yeCAFCL.
“Sisakholelwa ukuba singaphumelela njengeKaizer Chiefs.”
Njengoko iChiefs idlala imidlalo emibini kwisithuba seentsuku ezintathu, uJohnson uthathe umlinganiselo okhethekileyo kwaye waba neseshoni yokubuyisela baziqeqesha ngentsimbi yesibini ekuseni ngeCawe.
“Iintshukumo zahlukile. Khange sibenayo le midlalo mininzi ilandelana njengeqela,”wongeze watsho.
“Sibuye eKapa ngobusuku bangoMgqibelo saze saneseshoni yokuvuselela imizimba yethu ngo-02:00 kusasa ukuze abadlali baphumle ngeCawe yonke, eyona nto ingcono yokuchacha.
“Namhlanje (ngoMvulo) siyaziqeqesha, kwaye siza kube silungele ingomso.”
IChiefs, okwangoku ihleli kwindawo yesixhenxe ngamanqaku angama-30 – amahlanu emva kweStellenbosch ekwindawo yesibini, iqubisana neqela laseCape Winelands ngo 19:30 ngoLwesibini.
