Ezintsha

IChiefs ibhengeze ukhuphiswano olutsha apho izakuqubisana neqela laseTanzia

IKaizer Chiefs ibhengeze ukuphehlelela itumente yeToyota Cup, itumente yokulungiselela ukuqala kwesizini.

Kolu khuphiswano, iChiefs neYoung Africans yaseTanzania ziza kudlala eToyota Stadium, eBlomfontein.

Ingqonyela yeChiefs, uJessica Motaung uthe bakhethe eli bala kuba befuna ukonwabisa abalandeli babo baseFree State ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeKhala.

“IBloemfontein likhaya lethu kude nekhaya. Sinabalandeli abaninzi kwesi sixeko,” utshilo uJesicca. 

Le tumente ijonge ukunika amaqela ithuba lokuziva amandla phambi kokuqala kwesizini elindelwe ngabomvu. 

Iinkcukacha ezithe vetshe ngale tumente ziyakwaziswa kamva.

Ngaphandle kochulumanco ebaleni, omnye umlandeli onethamsanqa ozakuzimasa umdlalo osebaleni uzakuphumelela iToyota Cross entsha.

Itumente ithembisa ukuzisa ibhola ekhatywayo ekumgangatho ophezulu kunye neenkumbulo ezingalibalekiyo kubalandeli njengoko belungiselela isizini ezayo.