
UKompela kubonakala ezakujika amatshe abe zizonka Kwi-Arrows
Ngelingeni iGolden Arrows iphumelele umdlalo kwiDstv Premiership ngo 0-1 emva kwemidlalo elishumi elinanye bengaphumelele. UNdunduzo Sibiya ufake inqaku ebekukuphela kwalo kumdlalo wabo nePolokwane City kumabala ase-Old Peter Mokaba Stadium ngoCawe.
Abafana Besthende bagqibele ukuphumelela bedlala neKaizer Chiefs kunyaka ophelile.
Owayesakuba ngukapteni weqela lesizwe uSteve Komphela akavumanga ukuthi baphumelele ngenxa yakhe ,ephelisa umkhwa ombi obubhekeni ne-Arrows wokungaphumelile midlalo.
“Le mpumelelo ayinanto yokwenza nam, ndichithe iintsuku ezimbini kuphela nabadlali phambi komdlalo kwaye awunakwenza mahluko kwixeshana elifutshane,” utshilo.
UKomphela, oqeqeshe amaqela alishumi ePremiership nobebambe iqela lesizwe okwexeshana, ujoyine i-Arrows emva kokuyeka iMoroka Swallows ebikade inengxaki yemali.
UKomphela ,oqeqesha amaqela alishumi kwiPremiership waphinda waba libambela mqeqeshi kwiqela lesizwe okwexeshana,ujoyine i-Arrows emva kokuyeka kwiMoroka Swallows ebikade inengxaki yemali.
Komnye umdlalo iCape Town City iphoswe lithuba lokuhlala kwindawo yesibini emva kokubethwa ngo 2 -0 idlala neRoyal AM eHarry Gwala Stadium.
