DStv PremiershipEzintsha

Ngathi iyazika le nqanawa yeSpurs

ICape Town Spurs iqhubekile nokubambelela esikhunini ingafuni ukuthotyelwa kwisigaba sesibini.

Eli qela laseKapa lilwe lingaphelelanga ukunqanda ukubethwa yiSuperSport United kumdlalo weDStv Premiership obungoLwesihlanu ebusuku.

Izinto zakhawuleza zakhomba intlonti kwiSpurs xa ishiywe ingaphelelanga kulandela ukunikwa  ikhadi elibomvu umdlali odlala emva wabo. Ngomzuzu weshumi elinesithandathu ngethuba uGabriel Kamanga edlala kakubi umdlali weSuperSport.

Ukuba akanqandwanga umdlali, wayeya ngqo epalini, usompempe akazange athandabuze, wamnika ikhadi elibomvu.

Kodwa i-Urban Warriors ikwazile ukulwa kwaye ekugqibeleni yafumana inqaku elibalulekileyo endleleni.

ISpurs isesemva ngamanqaku amahlanu kwiRichards Bay enomdlalo onzima apho bezakudibana khona ne-Orlando Pirates ngoMgqibelo ebusuku.

Kumdlalo olandelayo, iSpurs iza kudibana neGolden Arrows ngomhla weshumi elinesibhozo kuCanzibe ekuhambeni, emva koko ivale ngeKaizer Chiefs ekhaya ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kuCanzibe.

Nangona ngokweenkcukacha, iqela eliqeqeshwa ngu-Ernst Middendorp lisaphila, kodwa kuxhomekeke kakhulu ekuphulukaneni namanqaku iRichards Bay kuyo yonke le midlalo mithathu ishiyekileyo.