
Ubuyile uFoster kodwa akabonakali nangonwele umhlohli manqaku kwiDstv Premiership
Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, ubonakala emxolele umdlali weBurnley, yaseNgilane, uLyle Foster, emva kweentetho ezingakhange zimanelise ekuqaleni konyaka.
Oku kubonakaliswe ngoba uyiqukile le folosi kwiqela aza kuthatha kumashumi amabini anesithathu aza kuhlasela ngawo kumdlalo wokuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi ngoJuni.
Kwabakho ingxabano yomlomo phakathi kukaBroos kunye nomqeqeshi weBurnley, uVincent Kompany, ngenxa kaFoster.
Le nto iqale ngethuba lo mdlali equkwa kwiqela eliya kudlala kwi-Africa Cup of Nations (Afcon) e-Ivory Coast ngoJanyuwari kodwa waphela engafikanga.
ULyle Foster wabonakaliswa ukuba unengxaki yengqondo, eyamgcina ephuma kwiqela lakhe laseNgilani.
Nangona kunjalo, uBroos kunye neSouth African Football Association (Safa), bame ngelithi lo mdlali uyidlale yonke imidlalo yeqela lakhe ngexesha le-Afcon, engakhange abonakalise ukuba unengxaki.
Kuphinde kwavela ukuba iSafa iluqalile uphando ngokungabikho kukaFoster kwiBafana kanye ngelo xesha efuneka kakhulu kwi-Afcon.
Nangona kunjalo, ngoLwesithathu, igama lale folosi, neqela lakhe elisandul’ ukuthotywa kwi-English Premier League (EPL), livele ngethuba uBroos ebhengeza iqela lakhe.
Into eyahlukileyo kweli qela kukuba uSiyanda Xulu, weSuperSport United, uThabang Monare noTshegofatso Mabasa, we-Orlando Pirates noGoodman Mosele weChippa United ababonwa.
Iyamangalisa indlela ashiywe ngayo uMabasa kuba engoyena mdlali uphambili kwiDStv Premiership, kwaye uyakhokhela nyokuhlohla amanqaku njengoko enamanqaku angama-15.
Phakathi kwabadlali abalikamva leqela lesizwe, kufakwe uRelebohile Mofokeng wePirates, noDevin Titus weStellenbosch FC.
IBafana iza kuqubisana neNigeria kumdlalo wokuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi ngoJuni wesixhenxe e-Uyo, emva koko yamkele iZimbabwe ngomhla weshumi elinanye kweyeSilimela eBloemfontein.
Iqela lonke leBafana limi ngolu hlobo lulandelayo:
Onozinti: Ronwen Williams, Veli Mothwa, Bruce Bvuma, Ricardo Goss
Abadlali bangasemva: Mthobisi Mvala, Khuliso Mudau, Aubrey Modiba, Grant Kekana, Given Msimango, Sydney Mobbie, Innocent Maela, Siyabonga Ngezana, Thabiso Monyane, Nkosinathi Sibisi, Terrence Mashego, Thapelo Morena, Tapelo Xoli, Thabo Moloisane
Abadlali basesiswini: Teboho Mokoena, Grant Margeman, Jayden Adams, Bathusi Aubaas, Siphefelo Sithole.
Iifolosi: Percy Tau, Evidence Makgopa, Themba Zwane, Patrick Maswanganyi, Mihlali Mayambela, Devin Titus, Mlondi Mbanjwa, Elias Mokwana, Oswin Appollis, Iqraam Rayners, Lyle Foster, Relebohile Mofokeng
