Bafana BafanaEzintsha

OoKhetshe baphoseleka kwii-ofisi zeSAFA kuphandwa uJordaan

Ezintsha zithi ooKhetshe (Hawks) bagqogqe ii-ofisi zeSAFA ngoLwesihlanu, lisenza ugqogqo kunye nezigunyaziso zokuhlutha njengoko liphanda ngezityholo zobuqhetseba nobusela obujoliswe kuMongameli weSAFA uDanny Jordaan.

Ngokwengxelo ephuma kooKhetshe, ezi zityholo zisuka kwiziganeko ezenzeka kunyaka ka-2014 no-2018, apho uGqirha Jordaan etyholwa ngokusebenzisa ubutyebi bombutho ukuze azuze yena

“Uphando lolwaphulo mthetho lifumene izigunyazizo zokugaleleka kwii-ofisi zombutho webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika ngomhla wesibhoza kweyoKwindla.”ingxelo evela kwabakwantsatsana itshilo.

“Ezi zityholo zezokuba kunyaka ka-2014 no-2018, umongameli weSafa usebenzise ubutyebi bombutho ukuze azuze yena kuquka nokuqesha inkampani yabucala yokhuseleko ukuze akhuseleke, inkampani yoBudlelwane boLuntu ngaphandle kwesigunyaziso seBhodi yeSAFA.

“Umongameli ukwaxelwe ukuba wophule imimiselo yeSAFA nto leyo ejongela phantsi iSAFA nelahleko eyi-R1.3 yezigidi zamarandi.

“Ngexesha lokugqogqa, kuthathwe ilaptop, ii-hard drives, i-USB kunye namaxwebhu.”

ISafa ayikakaphefumli ngalomba owenzeke ekuseni ngoLwehlanu kwaye kuzakubonakala ekuhambeni kwexesha ukuba uyabanjwa na uJordaan.