DStv Premiership

IBay ibhuqa kwanto esuka eSoweto

IRichards Bay ibhuqa kwanto yaseSoweto njengoko yaqala ngeKaizer Chiefs ngoku ibethe yathi saa i-Orlando Pirates kumdlalo weDStv Premiership e-Orlando Stadium,ngoMgqibelo ebusuku.

IPirates ingene ebaleni ifuna impumelelo ukuze inyukele kwindawo yesibini kulog yeDStv Premiership.

Kodwa izinto azihambanga kakuhle kwezimnyama xa iBay ifumana inqaku ngenqina likaSanele Barns kwisiqingatha sokuqala.

Ngapha koko, iBay iye kulo mdlalo ijinga eweni, ifuna inqaku elinye ukuqinisekisa ukhuseleko.

Ngoku okuseleyo kukuba izame ukunyuka, ibaleke ekungeneni kwimidlalo yeplay-offs ukuze isinde ngokupheleleyo.

Esi siphumo siqinisekise ukuba iCape Town Spurs ithotyelwe kwisigaba sesibini, kwaye iza kudlala kwiMotsepe Foundation Championship kwisizini ezayo.

Esi siphumo kwiPirates, sithetha ukuba isilele ekuzibekeni ethubeni lokunyukela kwindawo yesibini, izibeke ethubeni lokudlala kwiCAF Champions League kwisizini ezayo.