Bafana BafanaEzintsha

Uzakudlalwa eBloemfontein umdlalo weBafana Bafana neZimbabwe

Umbutho webhola ekhatywayo woMzantsi Afrika[SAFA] uqinisekisile ukuba uza kusingatha umdlalo wabo wokuqala eBloemfontein kusukela ngeNdebe yeHlabathi ngo2010.

IBafana iza kuqubisana neNigeria kunye neZimbabwe kumdlalo wokuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi yeFIFA ka-2026, eFree State Stadium – ungquzulwano lokuqala kule ndawo ukusukela oko iBafana yabetha iFrance ngo 2-1 kumdlalo weNdebe yeHlabathi kumhlaba wasekhaya.

“IBafana Bafana iza kubamba umdlalo wabo wokuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi yeFIFA ka-2026 xa bedlala neZimbabwe eFree State Stadium eBloemfontein ngoLwesibini, umhla we-11 kweyeSilimela ngowama-2024,” iqinisekise iSafa ngoLwesine.

Ibambela lengqonyela yeSAFA uGqirha Thulani Ngwenya ubongoza abalandeli ukuba bazalise ibala lemidlalo kumdlalo obalulekileyo neWarriors.

“Sijonge ukudlala lo mdlalo eBloemfontein, kwaye sibongoza abalandeli ukuba baphume ngobuninzi babo bayokuxhasa iqela,” uxelele iSafa.

“Abalandeli badlala indima ebaluleke kakhulu kubadlali, kwaye iFree State Stadium egcwele phama ingabakhuthaza kakhulu.”

IBafana, ekwindawo yesibini kuGroup C emva kokuphumelela ngo 2-1 kwiBenin nokubethwa ngo 2-0 eRwanda, izakuqubisana neNigeria kweyeSilimela – iSuper Eagles iqale iphulo layo ngokudlala ngokulingana kabini.