
Wenziwa iyoyo uRalani
ICape Town Spurs esemngciphekweni wokuthotywa ikhuphe umdlali onamava uSurprise Ralani okwesibini kwisithuba seenyanga ezine.
I-Spurs ibhengeze ukutyikitya kukaRalani ekupheleni kuka-Okthobha emva kokuchitha ixesha elide engenalo iqela ukusukela oko wayishiyayo kwiMamelodi Sundowns ekupheleni kwesizini ephelileyo.
Ngexesha elifutshane alichitha eSpurs, lo mdlali oneminyaka eyi-36 udlale imidlalo engama-14.
Owayesakuba yintshatsheli yeCape Town City wakhululwa yiSpurs ngoDisemba kodwa wakhawuleza wabizwa emva kweeveki ezimbalwa emva koko wacelwa ukuba ancede eli qela lisinde ezembeni.
Nangona kunjalo, ezintsha zithi iSpurs ifikelele kwisivumelwano esitsha noRalani sokuba bahlukane kwakhona.
Le ndedeba, ayizange izilolonge ne-Urban Warriors kule veki. Udlale umdlalo wakhe wokugqibela bedlala neSekhukhune United kumdlalo wabo apho babethwa ngo 1-0 kude nekhaya.
Eli qela laseKapa liza kuqubisana neRichards Bay ngoLwesihlanu linethemba lokufumana impumelelo enkulu ukuze ligcine amathuba alo amancinane okusinda ezembeni.
Kungoku nje bahleli ezantsi kuluhlu lweligi, ngamanqaku asibhozo emva kweBay, kusasele imidlalo emithandathu kuphele imidlalo.
