
Zabelane ngamanqaku ezasePitoli
IMamelodi Sundowns idlale ntangange 1-1 neSuperSport United kumdlalo weDstv Premiership ngoLwesibini eLoftus Stadium.
UTeboho Mokoena ufake inqaku lokuqala kulo mdlalo kodwa uBradley Grobler ukhawuleze waphendula efaka inqaku leSupersport.
Umdlalo ububaleka kakhulu, ngomzuzu weshumi elinanye,uMatias Esquivel uphantse wabeka iqela lakhe phambili ngethuba ifree kick yakhe ibethe ipali ayangena.
Kwimizuzu embalwa emva koko, uTeboho Mokoena wenze iinzame zomgama omde, ejonge ukubetha uWashington Arubi, nangona kunjalo, ibhola ihambe kumgama kodwa ayangena ibhola ayangena enethuni.
Kuthe ngomzuzu wamashumi amabini anesine, iSundowns yavinjwa ipenalthi emva kokuba uSiphesihle Ndlovu ebonakala edlalise kakubi uThembinkosi Lorch ebhokisini.
UMokoena ngelingeni ufumene inqaku ebetha impundulu yenqaku. Kodwa akuthathanga xesha eliyaphi uGrobler ufake inqaku lokulinganisa amanqaku
Kwimizuzu nje emihlanu phambi kwekhefu, uLorch uphulukene nethuba eliqaqambileyo lokubuyisela iSundowns phambili.
Kwimizuzu emithathu ebuyile ekhefini, uLorch ubize uArubi ngembumbulu eyingozi ebhokisini. Umgcini webhola waseZimbabwe uye wayikhupha ibhola ukuze akhanyele abadlali bebhola inqaku lesibini.
Ngomzuzu wamashumi amathandathu anesithoba, uRulani Mokwena wenze utshintsho efaka abadlali abahlaselayo efaka uTashreeq Matthews, uSipho Mbule noPeter Shalulile. Wakhulula uThemba Zwane, uGaston Sirino noLorch.
Ngelixa iintshatsheli zeligi zithe gqolo ukuza ecaleni,iSuperSport ibinobukrelekrele kwaye iyinqanda yonke into ephoswayo.
