
UBarns ngumdlali omtsha weStellies
Isiquququ seRichard Bay uSanele Barns utyikitye neqela elitsha kwiDstv Premiership.Bekulindeleke ukuba uBarns adlale kwiCape Town City.
Lo mdlali oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubemanyaniswe neKaizer Chiegs neSekhukhune United ngaxesha lithile.
UBarns waziwa ngobuchule bakhe bokuhlasela kwaye engumdlali ophambili kwiNatal Rich Boys. Kwisizini ka-2023/24 ukuza kuthi ga ngoku, udlale imidlalo eli-18, wafaka amanqaku amathathu kwaye wancedisa ekwakheni amanqaku amahlanu.Oku kulandela umdlalo oncomekayo kwisizini ka-2022/23, apho wadlala khona kwimidlalo engama-25 yeligi enegalelo ekufakweni kwamanqaku.
Ngokubanzi, uBarns udlale imidlalo eyi-43 kwiisizini ezimbini, efaka amanqaku asixhenxe, eqinisa isikhundla sakhe njengento ebalulekileyo kwiqela le-KZN. Oku kuthetha ukuba ube negalelo elikhulu kunaye nawuphi na omnye umdlali weqela kwezi sizini zimbini zidlulileyo.
Indlela adlale ngayo iyabonwa ngamanye amawela afuna ukumthatha kwiphondo KwaZulu-Natal. Ithuba lokuya kwakhe kwiCitizens bekubonakala kuyinto egqityiwe.
Nangona kunjalo kwenzeke isimanga iStellenbosch sikwazile ukufumana lo mdlali kwaye utyikitye isivumelwano seminyaka emininzi. Kulindeleke ukuba uBarns afudukele kwiqela laseWinelands ekupheleni kwesizini ka-2023/24.
Eli nyathelo lelona liphambili kwiStellies njengoba ijonge ikucela umngeni kwiindebe ezininzi kwiisizini ezizayo.
Ukufika kwakhe kubonakala kuza kongeza ubuchule obufunekayo kunye namandla wokuhlasela, kwaye kulindeleke ukubaabambisane nabadlali abafana noJayden Adams noDarrel Matsheke.
