
Imincili iHighbury izibekela indawo kwiMotsepe Championship
Kube yimincili yodwa xa iHighbury FC yaseMpuma Koloni izibekela indawo kwiMotsepe Foundation Championship xa izibethela iNjampela FC kumdlalo we-ABC Motsepe League National Playoffs e-Upington ngoLwesihlanu.
IHighbury FC ibethe eli qela laKwaZulu-Natal kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi ngo’2-1.
Lo nto ithetha ukuba iNjampela izakuqhubeka nokudlala kwi-ABC Motsepe League nakwisizini ezayo.
Eli qela laseGqeberha, likhokelwa nguKabelo Sibiya, bekulindeleke ukuba longeze amaqela abe mabini ephondweni kwiPremier Soccer League kwaye benze lonto
Amaqela azibekele indawo kweziNational Playoffs yiKruger United yaseMpumalanga esungulwe kunyaka ophelileyo neHighbury FC kwaye kulindeleke badlale ngeCawe ukuze kuwwongwe iintshatsheli ezintsha.
