
Uyinkwenkwana uDuba -Ndah
Umdlali odlala ngasemva kwi-Orlando Pirates u-Olisa Ndah uthi asimothusi konke konke isilumkiso esikhutshwe yifolosi yeKazier Chiefs uWandile Duba.
UDuba wafaka inqaku bebetha iGolden Arrows ngoLwesibini. Ukwamlukise iqela lePirates ukuba ngoMgqibelo izakudibana kwaye kuyobonakala okubonakalayo.
Uthethe wenjenje kuba lamaqela aseSoweto azakukhuphana inkani kumdlalo weDStv Premiership eFNB Stadium ngoMgqibelo emalanga.
UNdah uthi abazange basithathele ngqalelo isigrogriso sikaDuba nalapho uNdah ethe useyinkwenkwe nje encinci uDuba.
“Andikholwa ukuba angasinika ingxaki, ufake inqaku nje,” kutsho uNdah ethetha nabeendaba ngoLwesini ngethuba kunenkofa yonoondaba phambi kwalo mdlalo.
“Andikhathazekanga ngalenkwenkwana , ndicinga ukuba wayenemincili nje. Mna ndingxamele umdlalo wethu olandelayo ngoMgqibelo apho kufanele sidlale kakuhle.”
IPirates iya kulo mdlalo ilahlise abalandeli ithemba emva kokuphunza kwinzame zabo zokubetha iCape Town Spurs ngoLwesithathu.
Umdlalo uphele bedlale ntanganye 1-1 kanti umqeqeshi wePirates uJose Riveiro uveze ngokunganeliseki yindlela abadlale kakubi ngayo.
IChiefs yona ivuselele abalandeli ithemba ngokuphumelela kwi-Arrows ngo 1-0 ngenqaku elihle likaDuba.
Ethetha emva komdlalo, uDuba uthe akakwazi kulinda iPirates ukwenze oko akwenze kwi-Arrows.
“Andikwazi ukulinde de kube nguMgqibelo. Bafanele bandilindele kuba ndiyeza.”
