
Andifuni ukuzenza u-Akhona Makalima ndifuna uzenzela elam igama
Ikusasa liqaqambile ku-Anathi Zizipho Valashiya oyinzalelwa yaseMount Fletcher eMpuma Koloni othathe inxaxheba njengosompempe kwitumente iNozulu Legacy Cup eGcuwa.
Le ntwazana eneminyaka engama-20 ikwangumfundi eWalter Sisulu University wenze umsebenzi oncomekayo engusompempe kwimidlalo eququzelwe nguLuxolo Matikinca.
UValashiya uthi waba nomdla ekubeni ngusompempe emva kokungafumani ithuba lokudlala kwibhola yomnyazi. Ukwathe iNozulu Cup imvule amehlo njengoko edibane noosompempe abaphume izandla abafana no-Akhona Makalima.

“Kunzima ukufumana ukwaziwa kuba sisuka kwiindawo ezisemaphandleni yaye mancinci amathuba okuba saziwe.
“UKuza kulendawo, kuletumente kuzandinika ithuba lokwaziwa. Kuzakuba lula indlela izakubonakala,”utshilo uValashiya.
Ukuthatha inxaxheba kwitumente eloluhlobo kumnike ithuba lokuhlala ancokole nosompeempe abanamava yaye abaququzeli benze indibano yosompempe kwaye uthi kumncedile njengoko wafumana ithuba lokuncokola noMakalima efumana amava kwakunye nokukhuthazwa nguye.
“Ukuthatha inxaxheba kule tumente kutsho lukhulu ngoba siya saba neentlanganiso nabanye osompempe abafana noMakalima kwaye ndifumane amazwi enkuthazo kwaye sifumene ithuba lokusebenza nabanye osompempe bePremier Soccer League abafana noXola Sithela kuyo lemidlalo yeNozulu Cup.

Le nzalelwane yaseMount Fletcher ifumene iwonga lokuba ngumncedisi kasompempe ngokuphatha kakuhle imidlalo kuletumente.
“Liwonga lam lokuqala eli. Bendingayilindelanga sibaninzi apha,ndiyafika kulendawo, ndim ndodwa intombazana apha.
“Singamantombazana siyacindelwa kakhulu. Abantu abaninzi abanayo lo ngqondo yokuba amantombazana angazenza izinto zenzeke,”
“Elam ixesha lizakufika kwaye xa lifika andifuni kuzenza u-Akhona Makalima. Ndizakuzenzela elam igama.”
Ntinga-ntaka ndini!!
