DStv PremiershipEzintsha

Amaqela amakhulu ayohluleka ukubetha iSpurs -Rulani

Emva kokuphumelela kwabo ngo 1-0 kwiDStv Premiership xa bebetha iCape Town Spurs ngobusuku bangoLwesibini, umqeqeshi weMamelodi Sundowns uRulani Mokwena uvumile ukuba iqela lakhe alikadlali ngokupheleleyo.

Ipenalthi ekufakwe nguLucas Ribeiro lanele ukunika iiBrazilians onke amanqaku amathathu ukuqinisekisa ukuba bayaqhubeka nokusolula umsantsa encotsheni.

Nangona kunjalo, uMokwena akazange athabatheke kangako kumboniso opheleleyo.

”Asinakho ukuzithemba okuncinci okwangoku, ngakumbi kumaqhinga  okubheka phambili, siyasokola kancinci. Kodwa kulungile, iqela ngalinye linazo ezi zigaba kwisizini nganye kwaye okuhle kukuba xa sidlula kwixesha elinzima elifana neli sisakwazi ukuchola chola iziphumo,’’ utshilo uMokwena.

UMokwena usayinikile iSundowns imbeko ngokuyibetha ngoyaba i-Spurs idlala neqela akholelwa ukuba alikho iliza nangona isezantsi kwimidlalo esixhenxe.

”Amaqela amaninzi amakhulu ayasokola ukubetha iSpurs, ndiyavuya nje kuba sithathe amanqaku amathandathu kwiqela ebelinzima kakhulu,” wongeze watsho uMokwena.

ISundowns ifake amagowuli angaphezulu kwamabini kuphela kwimidlalo yayo emine edlulileyo yeligi, yiyo le nto uMokwena exhalabile.

 ”Ukudlala ngokulingana kubonakalisa iziphumo ezifanelekileyo, kodwa ezo ziphumo zibonakalisa ubuntshatsheli. Apho singomelelanga kangako kodwa wenziwe umsebenzi” uvale ngalo mazwi.

UMokwena ukholelwa ukuba ebonokufaka amalalela afanele ukuze baqinisekise ukuba bayawulawula umdlalo.