EzintshaNedbank Cup

Amasi abakw’ elangeni umphokoqo unexhala, ngumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup.

Lukanyo Tshitshi

Amehlo azakuba ethe ntsho kubamabonakude indlebe zona zizakukube zimamele unomathotholo nanjengoko amaqela amabini abonwa njengawona maqela asefomini kwiPremier Soccer League (PSL) azakuba ethatha iqonga engquzulana okukugqibela kule sizini.

Intshatsheli ezityhulayo zeDstv Premiership, iMamelodi Sundowns kunye nentshatsheli zeMTN8 i-Orlando Pirates zizakukhuphisana kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup ozakubanjelwa eMbombela Stadium, eMpumalanga ngomhla wokuqala kuJune ngoMgqibelo ukutsho.

Nanjengoko lomdlalo uzabe ingumdlalo wentshatsheli nomdlalo wokuvala isizini, umqeqeshi wePirates, uJose Riveiro, xeshikweni ethetha kwinkomfa yonondaba izolo uvakalise ukuba ulindele umdlalo onesantya esiphezulu kwaye ulindele iSundowns ukuba izakubanika umdlalo njengesiqhelo.

“Omabini la maqela ayakwazi ukugcina isantya esiphezulu nokuba kufuneka sidlale ixesha elongezelelweyo ngenxa yezinga labadlali esizakubanabo sobabini ebhentshini, siyazi ukuba [iSundowns] liqela elikunyanzelayo ukuba udlale ngesingqisho esahlukileyo kunemidlalo obukade udlala kuyo.”

“Andiqondi ukuba kuzakubakho ukudinwa iSundowns, liqela elidla ngokudlala imidlalo ngexesha elifutshane kwaye lidlale kakuhle. Izakuba ngumdlalo oza kufuna olona guqulelo lungcono lwamaqela omabini,” utshilo lokaRiveiro.

La maqela mabini azakudibani isihlandlo sesine kule sizini. Kulo midlalo mithathu esele idlaliwe iSundowns iphumelele wamnye yadlala ntanganye komnye ze-iPirates yaphumelela wamnye nayo.

IMamelodi Sundowns iya kulo mdlalo ijonge ukuphakamisa indebe yesibini kule sizini nayo iPirates iionge ukongeza indebe yesibini kwaye bakhusele ngokupheleleyo indebe njengoka bezintshatsheli ezikhuselayo zayo iNedbank.

Ephendula oonondaba umqeqeshi weSundowns,uRulani Mokwena, kumbuzo othe ingaba yintoni le ingalo mdlalo ekhupha okuhle kula maqela mabini xa ejongene.

UMokwena ephendule wenjenje –

“Bubukhulu bameqela, ndicinga ukuba ngamqela amabini amakhulu ngokuqinisekileyo kwaye ndicinga ukuba iprofayili yabadlali xa unabadlali abasezingeni eliphezulu abali-11 kwelinye icala basezingeni eliphezulu kwaye unyanzelekile ukuba ube nomdlalo omhle.”

Umdlalo kulindeleke uqale ngentsimbi yeshumi elinesithathu emva kwemini ngoMgqibelo kodwa amasango wona aza kuvulwa ngentsimbi yeshumi elinanye ekuseni.