Ezintsha

UMdaka uzakuxhuzula imikhala iqela labadlali abangaphantsi kwe-20

Owayesakuba ngumqeqeshi we-Marumo Gallants uRaymond Mdaka uzakuthatha intambo kwiqela lesizwe labaneminyaka engaphantsi kwama-20 kwaye ubize iqela labadlali abangamashumi amane ananye abazakuya enkampini ekupheleni kukaMatshi.

Yinkampu yokuqala kwezininzi ezingcwangcisiwe ngaphambi kokudlala imidlalo yokuhlungela i-AFCON U20 ngoSeptemba.

 “Sijonge ukwakha iqela elikhulu. Sikhethe abadlali abaqhuba kakuhle kakhulu ngoku kwiiligi zabo. Sikholelwa ekubeni sinesicwangciso esibanzi kule minyaka mibini izayo,” utshilo uMdaka.

“Siyawuqonda kakuhle umsebenzi esiwumiselwe njengeqela lesizwe labangaphantsi kwama-20.

“Siqinisekile ukuba siza kukwazi ukuyifeza. Sichulumancile kakhulu ngenkampu yokuqala apho sibize abadlali abangamashumi amane ananye.”

Iqela elikhethiweyo:

Onozinti 

Musa MASEMOLA Mamelodi Sundowns

Takalani MAZHAMBA Kaizer Chiefs

Gennaro JOHNSON Cape Town Spurs

Zachary Micha TAITZ SuperSport United

Abadlala emva

Siviwe NKWALI Cape Town Spurs

Mbekezeli MBOKAZI Orlando Pirates

Tylon SMITH Stenllenbosch FC

Asekho TIWANI Sekhukhune United

Thato NKABINDE Mamelodi Sundowns

Onye BENJAMIN Cape Town City

Benjamin WALLIS SuperSport United

Jeandra GAFFOOR Cape Town Spurs

Tyler CICERO Stellenbosch FC

Mahlatse MAMPANE Mamelody Sundowns

Masibonge NGIDI AmaZulu FC

Jabulani MOKONE Orlando Pirates

Duanne BENNET Wits

Aphiwe BUTHELEZI AmaZulu FC

Esiswini

Simphiwe SELEPE Orlando Pirates

Lazola MAKO SuperSport United

Lebohang PERE Ubuntu Football Academy

Gabriel AMATO Cape Town City

Xhosa MANYAMA Cape Town City

Sanele MANXELE Sekhukhune United

Vicky MKHAWANE Kaizer Chiefs

Bokang TELILE Ubuntu Football Academy

Shandre CAMPBELL SuperSport United

Kabelo KGOSITSILE Barako FC

Langelihle PHILI Stellenbosch FC

Cassius KORKE Hope United

Dhakier LEE Cape Town City

Shakeel APRIL Cape Town City

Faiz ABRAHAMS Cape Town Spurs

Kutlwano LETLHAKU Mamelodi Sundowns

Kabelo KOTOLOANE School of Excellence

Luphumlo SIFUMBA Cape Town City

Mfundo VILAKAZI Kaizer Chiefs

Iifolosi

Siyabonga MABENA Mamelodi Sundowns

Thabang MAHLANGU SuperSport United

Luke BAARTMAN Cape Town Spurs

Ntlonelo BOMELO Richards Bay United

Neo BOHLOKO Kaizer Chiefs