CAF Champions LeagueEzintsha

U-Cardoso uthembise uba i-Sundowns izokwenza ngcono



Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, uthi iqela lakhe liza kubuya ngamandla emva kokuba liphulukene nomdlalo wamagqibela kankqoyi weCAF Champions League kwiPyramids FC.



Iintshatsheli ze-Betway Premiership ziphulukene no’3-2 xa zizonke kwiqela lase-Egypt, ebebedlala iphulo labo lesibini le-Champions League.


Yaba sisiphelo esibuhlungu iSundowns, eyayileqa intshinga yayo yesibini yelizwekazi emva kokuyiphumelela ngo’2016.


Umfo ka Cardoso uvakalise ukuzingca ngabadlali bakhe nangona boyisiwe.


“Andonwabanga, kodwa ndiyazingca ngento esiyizuzileyo,” utshilo uCardoso. “Ukufikelela kumdlalo wokugqibela yinto engenabadlali abaninzi, abaqeqeshi, okanye iiklabhu ezinokuthi zenzile.”


Umqeqeshi uvumile ukuba iqela lakhe lawa phantsi ngamaxesha abalulekileyo.


Asizange sikhuphisane kwinqanaba esilidingayo. Yayingengomntu ongcono okanye ombi-iqela eliphumeleleyo lifanelwe ukuphumelela. Kodwa kukho into esilelayo.


UCardoso ubonakalise uhambo oluya kumdlalo wokugqibela, oquka uloyiso kwizindlu zamandla zeCAF.


“Sibethe i-Al Ahly kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi, ehleli kwindawo yokuqala kuluhlu lweCAF, kunye ne-Esperance kwindawo yesibini.


Ukufika kwam, eli qela lalisokola ukudlula kumanqanaba eqela. Besibambene neRaja Casablanca ne-ASFAR kwiqela elinzima kwaye sisaphumelele.


Lo nto ibonakalisa umgangatho weqela.”


Oku kuphawula ilahleko yesibini kaCardoso kwiCAF Champions League, emva kokuwa kwisizini edlulileyo ne-Esperance.


“Imvakalelo ikrakra, ewe,” wavuma ngelitshoyo. Kodwa ndiyazingca ngokukhokela eli qela lamadoda. Bazintshatsheli kwindlela abaphila ngayo, abaziqeqesha ngayo, abazibophelelayo. Siza kuziphakamisa.”Siza kuziphakamisa.”


Ngoku iSundowns ijonge phambili kwikamva.


“Siza kubuyela umva, sihlengahlengise iinjongo zethu, kwaye sibuye somelele. Injongo kukufikelela kwelinye lokugqibela  kwaye ngeli xesha, siphumelele.”

 

One thought on “U-Cardoso uthembise uba i-Sundowns izokwenza ngcono

Comments are closed.