DStv PremiershipEzintsha

Kuzakube kutshila oontondo kwidabi laseSoweto ngoMgqibelo

Kulindeleke kube lidabi loontondo ngoMgqibelo xa kudibana iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates kumdlalo wekhulu namashumi asibhozo(180) phakathi kwalaqela aseSoweto. Umdlalo kulindeleke udlalelwe kumabala aseFNB Stadium ngoMgqibelo ngecala emva kwentsimbi yesithathu

UWandile Duba noRelebohile Mofokeng bafake amanqaku wabo wokuqala wokuqala kule sizini yeDstv Premiership phakathi neveki. 

Imbali ibonisa ukuba iFNB Stadium yayizele qhu xa ezi ngxilimbela zaseSoweto zingquzulana. Kumdlalo wabo wokugqibela ngoNovemba ka-2023, iPirates yaphumelela ngo 1-0, nto leyo esongeza ubumnandi kulo mdlalo uzayo njengoko omabini amaqela esilwela amalungelo okuzigwagwisa.

UMofokeng (19) noseke dlale indima enkulu kweziMnyama uzakube efuna ukutshila phambi kwezihlwelo ezingaphaya kwa-90 000 eFNB.

Kusenjalo uDuba (19)  uzibonakalise kumdlalo weGolden Arrows ukuba yena uyifolosi evunyiweyo yaye ayikho impazamo ngokubizwa kwakhe kwiqela lamakhwenkwe amadala. Kumdlalo wakhe wokuqala ufumane inqaku lokuqala, kukwalinqaku lokuqala leChiefs kulonyaka.

UDuba ukwathumele nesilumkiso kwiPirates emva komdlalo wakhe nabafana besthende.

Omabini aba badlali baseplate basically kwiDstv Diski Challenge.

“Sizilungiselele kakuhle kwelidabi. Sizakudlala phambi kwezihlwele eziyi-100,000. Ndiqinisekile ukuba abaninzi ngabalandeli beChiefs. Ngako oko sizakudlala ngokuzimisela,” utshilo umqeqeshi wamaKhosi ngaphambi kwedabi laseSoweto.

Kusenjalo umqeqeshi weziMnyama uJose Riveiro uthe -“Sifuna ukudlala ibhola yethu kwaye sidlale umdlalo omhle kwiziqingatha zozibini. Bonke abadlali bafuna ukuqala umdlalo,akukho mntu ufuna ukuphoswa ngulo mdlalo.”