Iindaba zebhola

I- Spurs iphendula kwisigqibo sikaEpstein ngoVelebayi kunye noBaartman

ICape Town Spurs, ngomlomo wengqonyela yeqela u-Alexi Efstathiou, iphendule kwisigqibo somlamli weSafa sokunika iKaizer Chiefs imvume yokusebenzisa uAsanele Velebayi noLuke Baartman.

Umlamli weSafa, uchaze ukuba iSpurs kufuneka ikhuphe incwadi evumela uVelebayi noBaartman ukuba badlalele iChiefs.

U-Efstathiou uchaze ukuba uphuhliso lwabo alukho nje ukutyala imali kodwa nokutyala imali eninzi kuphuhliso lomdlalo webhola ekhatywayo.

“Kule minyaka ingama-30 uphuhliso lwethu beluhamba phambili, asityalanga imali kuphela kodwa nothando, ixesha nobukrelekrele kulo mdlalo.

“Nanjengoko sisamkela esi sigqibo, sijongene nombuzo wokuba singaqhubeka njani nomsebenzi wokuphuhlisa abadlali abagqibela ngokunje?,” utsho uEfstathiou.

ICapetown Spurs baphinde bachaza ukuba bazakudibana namagqwetha abo baxoxe ngendlela eya phambili ithetha ukuba abakanikezeli okwangoku.

“Sifuna indlela ecacileyo kumacala amabini, owokuqala kukulungiselela iqela lethu xa sisiya kumdlalo we-ABC Motsepe League.

FUNDA KWAKHONA :UTso uthetha ‘ngeqhawe’ lePirates elinganconywayo

“Okwesibini kukujonga imbuyekezo ekufanele ihlawulwe kubadlali abaphuma kuphuhliso lwethu.

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

Kuseza kubonakala ukuba iSpurs izakuthatha liphi inyathelo njengoko isithi iyasamkela kwaye iyasihlonipha isigqibo seSafa kodwa ikwathetha ngokudibana namagqwetha abo.

One thought on “I- Spurs iphendula kwisigqibo sikaEpstein ngoVelebayi kunye noBaartman

Comments are closed.