
IKruger yaseMpumalanga izakudlala kwiMotsepe Championship
IKruger United, yephondo laseMpumalanga, iza kudlala kwiMotsepe Foundation Championship kwisizini ka2024/2025.
Oku kulandela ukuqhubela phambili ukuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi we-ABC Motsepe League kuzwelonke, emva kokubetha iThames FC yaseMntla Ntshona ngo’1-0, kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi, eUpington, eMntla Koloni, ngoLwesihlanu.
Eli qela laseMpumalanga bekufanele lifake amanqaku amaninzi kulo mdlalo. Ngapha koko, bekufanele ukuba iwutshintshile umdlalo, behamba phambili ngp-3-0 ubuncinci, kuthathelwa ingqalelo amathuba abawafumeneyo.
Kwisiqingatha sesibini bekunjalo. IKruger ufumene inqaku ngomzuzu wamashumi asixhenxe kodwa usompempe wathi umdlali weThames udlalwe kakubi. Nangona kunjalo, ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesithathu, uFumani Mathabele ufake inqaku elithe lafaka uKruger eqongeni.
UKruger uzakuqubisana nophumeleleyo phakathi kweNjampela, yaKwaZulu-Natal, neHighbury yaseMpuma Koloni, kumdlalo wokugqibela ngeCawe.
INjampela neHighbury zizakudibana kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi ngoLwesihlanu ngentsimbi yesithathu malanga.
