AFCON

UMkhalele ucatshukiswa sisigqibo samva nje seFifa malunga ne-Afcon

Umncedisi womqeqeshi weBafana Bafana uHelman Mkhalele uvakalise ukungoneliseki okukhulu ngesigqibo seFifa.

Iqumrhu elilawula ibhola ekhatywayo lehlabathi ligqibe kwelokuba livumele amaqela ukuba agcine abadlali kude kube ziintsuku ezintandathu ngaphambi kokuqala kweNdebe yeZizwe zaseAfrika yeCaf (Afcon).

Esi sigqibo sitshintsho olukhulu kumgaqo-nkqubo wexesha elide owawufuna ukuba abadlali bakhululwe kwiintsuku ezili-14 ngaphambi kweetumente ezinkulu zamazwe ngamazwe.

I-Afcon yalo nyaka iza kubanjelwa eMorocco ukususela nge-21 kaDisemba ukuya kwi-18 kaJanuwari, kwaye uHelman Mkhalele ukholelwa ukuba esi sigqibo siza kuchaphazela kakubi amalungiselelo.

“Ndingathi asilunganga kwaphela kwaye asimkelekanga,” utshilo uMkhalele ongumncedisi kaHugo Broos kwiSABC Sport.

“Xa uyijonga, uqala ukucinga ukuba mhlawumbi iFifa ayithathi nzulu ibhola ekhatywayo yaseAfrika, njengoko isenza ibhola ekhatywayo yaseYurophu.

“Uqala ukuziva ungabalulekanga kangako xa uthelekiswa nezinye iiligi kwihlabathi liphela,” wongeze watsho uMkhalele.

Wongeze ngelithi iConfederation of African Football (Caf) kufuneka ithathe inyathelo eliqinileyo neFifa ngalo mba.

“ICaf kufuneka iqale ukuyibeka loo ngongoma kwiFifa, ingakumbi iAfcon ngamanye amaxesha idlalwa ngoDisemba okanye ngoJanuwari.

“Oku kumaqela kusafuneka aye kudlala iNdebe yeHlabathi emva koko,” waqiqa.

Njengoko amaqela amaninzi esizwe ecebe ukudlala imidlalo yobuhlobo yamazwe ngamazwe ukususela ngomhla we-12 kule nyanga, ukukhululwa kade kwabadlali kunokuphazamisa loo malungiselelo.

“Ukujonga isicwangciso seCaf sokudlala iAfcon kufutshane neNdebe yeHlabathi, kwelinye icala kuyanceda.
“Kodwa kwelinye icala kuzisa iingxaki ezingaphezulu kumaqela aseAfrika.

“Ngefomathi entsha yeFifa yamaqela angama-48 adlala kwiindawo ezahlukeneyo, ukucwangcisa kuba nzima kakhulu,” ucacisile uMkhalele.

FUNDA KWAKHONA :UManyisa uthi uMbule uza kuyishiya iPirates kungekudala

“Ubonile nokuba iFifa ivumele amaqela ukuba akhulule abadlali kuphela ngomhla we-15. Ndicinga ukuba oku kuya kuba nefuthe elibi kulungiselelo lweNdebe yeHlabathi,” wongeze watsho.

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

Ngethamsanqa kwiBafana Bafana, uninzi lweqela luhlala apha ekhaya, oko kuthetha ukuba esi sigwebo asiyi kuba nefuthe elikhulu kulungiselelo lwaseMzantsi Afrika.

One thought on “UMkhalele ucatshukiswa sisigqibo samva nje seFifa malunga ne-Afcon

Comments are closed.