Iindaba zebhola

Inkwenkwezi ye Bafana ivuma ukuba ukuxhuzulwa kwamanqaku ibuhlungu

Ukukhutshwa kwamanqaku kuBafana Bafana ngokufaka umdlali onqunyanyisiweyo xa bedlala neLesotho ngeyoKwindla ngumqobo obuhlungu.

Nangona kunjalo, abadlali bazama ukungakuhoyi ukuphoxeka kuba begxile ekuphumeleleni imidlalo emibini elandelayo ukuze bazibeke endaweni engcono yokungena kwindebe yehlabathi kunyaka ozayo.

Bafana Bafana izakuqubisana neZimbabwe ngoLwesihlanu eMoses Mabhida Stadium kumdlalo ekufuneka iwuphumelele.

Ukapteni weqela, uRonwen Williams, uthe bajonge ukusebenzisa lo mdlalo kunye nomdlalo olandelayo neRwanda ukulungisa imeko enzima abazifumana bekuyo ngoku.

“Ngokuqinisekileyo kusiphazamise kakhulu engqondweni emva kokufumanisa ukuba impazamo yenziwe ngumphathi weqela,” uvumile uWilliams ngoLwesine.

Ebethetha kwinkomfa noonondaba eThekwini apho iBafana Bafana iza kuqubisana neZimbabwe.

Kodwa wonke umdlali osenkampini ngoku uzimisele ukuba kufuneka siphumelele umdlalo wangomso (ngoLwesihlanu) ngomjikelo omkhulu.

Lo nto ayithethi kuthi sijongela phantsi iZimbabwe.

Siyazi kakuhle ukuba inabadlali abakumgangatho ophezulu abafana noKnowledge Musona, Khama Billiat, noMarshall Munetsi nabanye.

Emva komdlalo oseMabhida, ozakuqala ngentsimbi yesithandathu malanga ngoLwesihlanu.

Emva koko iBafana iza kubhekisa amabombo eMpumalanga apho iza kuqubisana neRwanda kumdlalo wokugqibela wokuzibekela indawo.

Lo nto ayithethi kuthi sijongela phantsi iZimbabwe, siyazi kakuhle ukuba inabadlali abakumgangatho ophezulu abafana noKnowledge Musona, Khama Billiat, noMarshall Munetsi nabanye.

FUNDA KWAKHONA :UCardoso usengxakini, i- Sundowns ibhenela kumqeqeshi waseArgentina

Emva komdlalo oseMabhida, ozakuqala ngentsimbi yesithandathu malanga ngoLwesihlanu, emva koko iBafana iza kubhekisa amabombo eMpumalanga apho iza kuqubisana neRwanda kumdlalo wokugqibela wokuzibekela indawo.

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

Lo mdlalo wokugqibela wokuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi uza kuba seMbombela Stadium eNelspruit ngoLwesibini ozayo.

One thought on “Inkwenkwezi ye Bafana ivuma ukuba ukuxhuzulwa kwamanqaku ibuhlungu

Comments are closed.