DStv PremiershipEzintsha

IChiefs ithathe isigqibo ngekusasa likaVilakazi

IKaizer Chiefs yongeze isicelo sengqesho sikaMfundo Vilakazi esizakumenza ahlale eNaturena kude kube nguJuni ka-2028.

Lo mdlali oneminyaka eli-18 ubudala unesiphiwo uqale ukuzilolonga neqela elikhulu ekuqaleni kwalesizini.

Kuzothi ga ngoku udlale imidlalo emithandathu ukwadlale nakwidabi laseSoweto esuka ebhentshini.

Lo mdlali oyinzalelwane yaseSoweto uvakalise uchulumanco ngokutyikitya esi sivumelwano esitsha.

“Ndiyavuya kwaye ndichulumancile ukufumana isivumelwano neqela elikhulu njengeChiefs.

“Ibisoloko ingumnqweno wam ndisemncinci ukudlalela nokumela iKaizer Chiefs.

“Ndijonge phambili ekufakeni isandla ndincede iqela kwaye ndisebenzise isiphiwo sam.

“Ndibulela kubo bonke abalandeli abasoloko bendikhuthaza ukuba ndenze ngcono ndiyathembisa ukuba andizukuphoxa.”

Umlawuli wezemidlalo kwiKaizer Chiefs, uKaizer Chiefs Jnr uvakalise uchulumanco ngolu phuhliso.

“Sichulumancile kakhulu ukuba sikwazile ukongeza iminyaka yengqesho.

“UMfundi unetalente ebalaseleyo kwaye sijonge ukumbona ebonisa isakhona sakhe sobugcina asinikwe nguThixo kwiqela elikhulu kwiminyaka emininzi ezayo.

“Ngoku kusele ukuba asebenze kanzima siyazi ukuba uya kwenza konke okusemandleni akhe. 

“Ukunyuselwa kukaMfundo bubungqina bomsebenzi omkhulu kumacandelo ethu ophuhliso.

“Sakhe isimo esikhuthaza ukuvelisa italente kwiqela eliphezulu,nto leyo engundoqo kwisimilo seKaizer Chiefs. 

“Sinabanye abantu abasebenza nzima,ukusukela kwabaneminyaka engaphantsi kwe-13 ukuya kwi-lereserve, abangagxili ekuphumeleleni kuphela kodwa ekuveliseni abadlali bebhola abasezingeni eliphezulu”