
IBanyana izakudlala neNigeria kumjikelo wokugqibela weCAF Women’s Olympics Qualifiers
IBanyana Banyana iza kuqubisana neNigeria kumjikelo wokugqibela weCAF Women’s Qualifiers emva kokubetha iTanzania kwimilenze emibini.
UThembi Kgatlana ufake inqaku ekuphela kwalo kulo mdlalo njengoko iqela likaDesiree Ellis libethe iTanzania ngo 1-0 ngoLwesibini eMbombela Stadium nalapho bathe bephumelele ngo 4 – 0 xa udibanisa imilenze yomibini.
Bekungekho nto ingako kumdlalo obubanjelwe eMbombela Stadium njengoko iBanyana ebikhululekile ifumene impumelelo.
Umdlalo obungekho ezingeni oqhele ukuba kulo nokuthe ngomzuzu wamashumi amahlanu enesibhozo apho uKgatlana ebulele naliphi na ithemba ababe nalo abadlali baseTanzania.
UKholosa Biyana ongene ngesiqingatha sesibini nguye osuse lo bhola de wayivalela phakathi uPikinini.
Kwakuwo lo mdlalo, umdlali odlala phambili uJermaine Seoposenwe ubhiyozele ikhulu lemidlalo edlala kwiBanyana.

