
UKhanyisa Mayo uye wophula inzolo kwiChiefs
Umgadli weKaizer Chiefs, uKhanyisa Mayo, ugqibele ngokuthetha ngokuxutywa ebaleni okumenze waba ngundaba-mlonyeni kubalandeli baMakhosi.
Esi sehlo senzeke kumdlalo obubambene naMaZulu FC, nalapho iChiefs ibikulangazelela kakhulu impumelelo. Umdlalo uphele ebambene ngo’1-1.
Imbumbulu esuka kuPule Mmodi ibisele inqumle umgca xa u- Mayo, evela kwindawo elaleleyo, wayichwetheza yaye inqaku lakhutshwa.
Esi siganeko saba ngundaba-mlonyeni abanye abalandeli bevutha ngumsindo, bemtyhola ngokuzama ukubusela indawo.
Ethetha phambi komdlalo weChiefs weBetway Premiership neSiwelele FC, uKhanyisa Mayo uvumile ukuba ibiyimpazamo eyenzekileyo.
“Ngexesha lokuphumla siye sathetha ngayo, ndacela uxolo wathi, kulungile, ezi zinto ziyenzeka ebholeni,” utshilo uMayo.
“Ibikukungagxininisi kwicala lam, bendingayazi indawo endingqongileyo kwaye iyenzeka.
“Sithethile ngayo saza sadlulela phambili.Nasemva komdlalo ndaphinda ndamtsalela umnxeba, wathi ungazikhathazi ngayo.
FUNDA KWAKHONA :UParker uphoxa iSundowns esithi bamthumelele iintyatyambo zexabiso eliphantsi
Uthe ezi zinto ziyenzeka kwaye zenziwe kwaye kufuneka sigxile kokulandelayo,” wongeze watsho uMayo.
SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com
IChiefs iza kwamkela iSiwelele eFNB Stadium ngo-7.30 ngokuhlwa ngolwesithathu ifuna impumelelo ukuze ibuyisele indlela yayo yeligi.

Pingback: Indlela uLupopo ayirhintyele ngayo iPirates, uyacacisa umqeqeshi - Imidlalo Yoluntu