Iindaba zebhola

Imfazwe kwiSundowns: U- Cardoso noBerg baxabene

Kukho umlo obandayo oqhubekayo kwiqela lobuchule leMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso noFlemming Berg kuthiwa bayaxambulisana.

IMamelodi Sundowns ayikhange ibekwinqanaba eliphezulu kule sizini kwaye sele iphulukene nokhuphiswano lweendebe ezimbini.

Ikhutshwe yi-Orlando Pirates kuMTN8, yaze yakhutshwa nguMarumo Gallants kwiCarling Knockout.

Kwaye ngelixa bephezulu kulog kwiBetway Premiership, indlela abadlala ngayo khange ibentle kwaye abanye abalandeli bebesele besithi makagxothwe uMiguel Cardoso.

Umthombo osondeleyo weli qela udize ukuba izinto azihambanga kakuhle emva komdlalo njengoko uCardoso noBerg bengavani.

“Kukho ukungamanyani okukhulu, omnye utsalela ngapha, omnye utsalela ngapha,” utshilo umthombo.

Yiyo loo nto nabasayiniweyo abatsha benziwe kade ngeli xesha.

UBerg wayengenamdla kangako kubadlali ababecetyiswa nguCardoso.

ISundowns yenze abadlali abambalwa kuphela kwaye baye bafika emva kwexesha.

FUNDA KWAKHONA :UParker usebuhlungu, uvulele ngesehlo sikaBongani Zungu

Umthombo ukwacebise ukuba abanye babadlali bazotsibela ithuba lokufudukela kwenye indawo.

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

“Ukungavisisani kwinqanaba labaphathi kuya kuphumela kubadlali kwaye kubangele ukungoneliseki,” wongeze watsho umthombo.

One thought on “Imfazwe kwiSundowns: U- Cardoso noBerg baxabene

Comments are closed.