Iindaba zebhola

Owayesakuba ngunozinti weChiefs uthi iNigeria izakubetha i- Bafana

Owayesakuba ngunozinti weSuper Eagles, uDaniel Akpeyi, uthi akasenaloyiko ngaBafana Bafana kulandela umjikelo wempelaveki wemidlalo kaGroup C.

Iingxilimbela ezibini zebhola ekhatywayo e-Afrika ziza kudibana eFree State Stadium ngomso ngo’18:00 kumdlalo othembisa ukuba uza kubanzima kumdlalo wokuhlungela iNdebe yeHlabathi yeFIFA ka-2026.

Omabini la maqela aphumelele imidlalo yawo yokugqibela neLesotho neRwanda ngokulandelelana.

Ngomso, iNigeria, ekwindawo yesithathu ngoku, iza kufumana ithuba lokuvala umsantsa phakathi kwayo neenkokeli zeQela loMzantsi Afrika.

“Andoyika; andiqinisekanga ngokupheleleyo yindlela iBafana Bafana ebethe ngayo iLesotho.

Nangona kunjalo, indlela edlale ngayo iNigeria xa idlala neRwanda ikhuthaze abantu abaninzi baseNigeria,” utshilo uAkpeyi kwiKickOff.

Ngaphandle kokungahloniphi ndicinga ukuba iBafana Bafana izakubanzima xa idlala neNigeria ngokwendlela abadlale ngayo neLesotho, ndiza kuyinika iNigeria.

“Iqhinga leRwanda lokuhlala ngasemva kwaye lithembele kuhlaselo lwenza kube nzima kwiNigeria ukufumana impumelelo, ukuba ibingekho unozinti weRwanda, uFiacre Ntwari, loo mathuba ebenokukhokelela kumagowuli.

FUNDA KWAKHONA :Ilensi yekhamera ikhetha uMbokazi njengoko u-Osimhen ephoswa

“Kodwa ukwazi iBafana Bafana, abazukuhlala emva, nto leyo eza kuvumela iNigeria ukuba isebenzise izithuba eziyishiya ngasemva.

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

“Ngokuqwalasela amava kunye neminyaka yabadlali baseNigeria, ndibona iNigeria iphumelela kulo mdlalo ngomso.”

One thought on “Owayesakuba ngunozinti weChiefs uthi iNigeria izakubetha i- Bafana

Comments are closed.