MTN8

‘Imidlalo emibini elandelayo iya kuchaza ikamva lika Ouaddou’

Owayesakuba ngumgadli weOrlando Pirates uThulasizwe Mbuyane uqikelela ikamva elimfiliba kweli qela kumqeqeshi osandula kuqeshwa ngu-Abdeslam Ouaddou ukuba uyasilela ukufumana impumelelo kwimidlalo yakhe emibini ezayo.

NgoLwesibini, iBuccaneers ityelele iqela langaphambili lika-Ouaddou, uMarumo Gallants, kwibala lemidlalo iDr. Petrus Molemela eBloemfontein ngo-19:30.

Umqeqeshi weMorocco sele efumene izigxeko kubalandeli beqela bebuza indlela alibeke ngayo iqela lakhe ngethuba libethwa ngo’1-0 yiSekhukhune United ekhaya.

“Ngamhla ndicinga ukuba udlale abadlali abangalunganga, abadlali bakhe bekungekho ndawo,” utshilo uMbuyane kwiKickOff.

“Kodwa xa lilonke, iPirates idlale kakuhle kakhulu xa idlala noSekhukhune; ibe lilishwa nje lokungafumani manqaku.

Kwangaxeshanye asinakuthatha nto kuSekhukhune, bezikhusele kakuhle kakhulu. Bebesilwa.

“Umqeqeshi wePirates udlalise abadlali esingabaziyo, ndiyathemba ukuba uyibonile impazamo yakhe, kwaye noMandla Ncikazi kufuneka amncede aqonde ngcono la makhwenkwe.

“NgoMgqibelo, khange ndiqonde ukuba ebesilela phi, ukuba nobunzulu obungaka kwiqela.

Kodwa masimnike ixesha. Umdlalo wangoMgqibelo weMTN8 Cup uzakuchaza ukuba ukulungele na ukuyigcina okanye hayi,” wongeze watsho.

FUNDA KWAKHONA :Ukapteni we Chiefs uthi ukulindela lukhulu kuyingozi

“Khumbula ngobu busuku udlala neqela lakhe langaphambili, kwaye sele beza emdlalweni benenjongo yokubonisa inqaku.

Makagxile kwiqela lakhe adlale abadlali bethu ababalaseleyo, makangazami ukwahluka kuJose Riveiro.

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

“Kubalulekile kuye ukuphumelela xa sidlala neMarumo Gallants ngokuhlwanje, khawufane ucinge ukuya kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weMTN8, sele ubethwa kabini ngokulandelelana?

One thought on “‘Imidlalo emibini elandelayo iya kuchaza ikamva lika Ouaddou’

Comments are closed.