Iindaba zebhola

U- Mohafe usathe khunubembe ekuphumeni kwe-Appollis

Umqeqeshi wePolokwane City, uPhuti Mohafe, uyavuma ukuphulukana no-Oswin Appolis kwi-Orlando Pirates kushiye umngxuma omkhulu kwiqela lakhe.

Le ndedeba, 23, iphinde yadlala neqela layo langaphambili, yafaka inqaku eliphambili laze laphumelela ipenelathi ngelixa iPirates ibetha iCity ngo’2-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN8 eOrlando Stadium.

“Kuhlala kunzima ukuphulukana nelungu losapho-kwaye ndiphulukene nalo,” utshilo u- Mohafe oneemvakalelo emva komdlalo.

“Uye kwiqela elikhulu. Into endinokuyenza kukumnqwenelela okuhle kodwa ewe, ndisebuhlungu.”

U-Appollis wayengumntu ophambili kwisiXeko kwezi sizini zimbini zidlulileyo, iklabhu yala izibonelelo ezininzi ngaphambi kokuba imvumele ukuba enze intshukumo enkulu kwinyanga ephelileyo.

UMohafe uthi akuzuba lula ukuthatha indawo yale nkwenkwezi yeBafana Bafana.

“Ushiye umngxuma omkhulu. Ukuthatha indawo yakhe kuya kuthatha ixesha.

I-Appollis endiyibonileyo namhlanje ngumdlali owahlukileyo – obukhali, oqolileyo.”

Sekunjalo, umqeqeshi wayezingca ngokukhula komhlaseli.

FUNDA KWAKHONA :UNgcobo sedlale ixesha elide kwiKaizer Chiefs

“La ntshukumo ayenzileyo ukuze afumane amanqaku – yinto esimjongileyo. IPirates isandula kumlola.

Usibambe silele namhlanje, kodwa ndiyazingca. Uyaphucuka.”

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

Umdlalo wokuqala ka-Appollis phantsi komqeqeshi omtsha wePirates u-Abdeslam Ouaddou sele usiba sematheni- kwaye ukhumbuza isiXeko ngento esiphulukene nayo.

One thought on “U- Mohafe usathe khunubembe ekuphumeni kwe-Appollis

Comments are closed.