
Okwangoku akukho soyikiso esinokuyisusa esihlalweni i- Sundowns
Indawo ephambili yeMamelodi Sundowns kuluhlu lwempumelelo ayizukuba phantsi koloyiko kulandela ukubuya kwayo kumdlalo waphambi kokulungiselela isizini ngoMvulo.
Ukuthatha inxaxheba kweSundowns kwiFIFA Club World Cup kuthethe ukuba imidlalo yaphambi kwesizini yokuqala iqale kwiveki nje ezimbini phambi kokuba idlale umdlalo wayo wokuqala yiyo loo nto iye ngqo eLucas Moripe Stadium emva kokuba benike ingxelo.
Kulapho aza kudlala khona neRichards Bay ngomhla wesithathu kweyeThupha kumdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN8.
IiBrazillians zinike ingxelo phambi kwesizini eza kuquka nokusukela intshinga yeligi yesithoba ilandelelana kunye nebhola kwiiNtshatsheli zeCAF, iCarling KnockOut kunye neNedbank Cup.
Konke oku kuzakwenzeka kwiSundowns ngaphandle kokukhathazeka ngokukhutshwa kwisikhundla sayo njengelona qela liphumeleleyo kwiPSL iminyaka eqale kwiminyaka embalwa emva kokuba uMzantsi Afrika wabuyiselwa kwiFIFA.
ISundowns iphumelele iindebe ezingamashumi amabini anesibhozo ngelo xesha iyibeka phezulu.
Intshinga yeligi ithatha i-15 kwezo ndebe ngelixa ezinye ziphantsi kweCAF Champions League, African Football League, kunye neCAF Super Cup.
Baphinde baphumelela zonke ezinye iindebe zasekhaya ukutyhubela iminyaka ukusuka kwiMTN8 ukuya kwiCarling KnockOut kunye neNedbank Cup.
IChiefs ikwindawo yesibini ngeendebe ezingamashumi amabini ananye kuquka nendebe yeNedbank Cup egqibe iminyaka elishumi yokulinda isilivere.
Ukusukela mhla yayiphakamisa iPSL yesilivere yokuqala (iRothmans Cup ka-1997), iChiefs yayilelona qela liphambili kwade kwadlula iSundowns.
Amakhosi azakudana kukuba ephumelele iindebe ezine kuphela zeligi kumashumi amabini ananye.
Nangona kunjalo, baye bafumana impumelelo kwilizwekazi ukuphumelela i-2001 CAF Cup Winners’ Cup.
Ngoko ke, eneneni iChiefs kufuneka iphumelele iindebe ezisixhenxe iSundowns ibethe gqolo ukuze ibuyise indawo yayo ephezulu kuluhlu lwempumelelo.
Iminyaka emingaphi oku enokuthabatha yingqikelelo kabani.
I-Orlando Pirates ikwindawo yesithathu ngeendebe ezilishumi elinesixhenxe.
IPirates ikwaphumelele iindebe ezine zeligi njengeChiefs.
- SIFUMANE KUFACEBOOK:Imidlalo Yoluntu.facebook.com
IBhakabhaka liye laphakama yakutshanje iphumelele iindebe ezintlanu ngexesha likaJose Riveiro eklabhu.

Pingback: Ingaba lithini ikamva lika Shalulile kwi Sundowns? - Imidlalo Yoluntu