Iindaba

Ikamva likaMonnapule Saleng liqaqambile emva kokufika komqeqeshi omtsha kwi Pirates

Ikamva likaMonnapule Saleng kwi-Orlando Pirates lisenokuvuseleleka kumqeqeshi omtsha u-Abdeslam Ouaddou, njengoko intelekelelo yokufudukela kwiKaizer Chiefs isiya iphela, kwaye kujongwe ngaye kuhambo oluzayo lwaseSpain.

Ukufika komqeqeshi omtsha we-Orlando Pirates u-Abdeslam Ouaddou kweli qela, kungabonakalisa imvuselelo kuMonnapule Saleng ngokutsho kwangaphakathi kwi-Soweto Giants.

U- Saleng akakho kwiPirates ukusukela ngeyoMnga wonyaka ophelileyo kwaye akakhange abonakale kwiqela ukusukela ngoko, ngenxa yengxabano yemivuzo.

Njengoko kuqengqeleke iinyanga kungekho gosa lithetha ngalo mdlali osuka kwiPirates, uqikelelo luxhaphakile ngekamva likaSaleng nangona esephantsi kwekontraka de kube nguJuni wonyaka ozayo.

Kukhe kwakho namahum-hum malunga noSaleng wokuzimanya noogxa bakhe iKaizer Chiefs, kodwa olo ncoko luphelile kungekho nto intsha.
Ngokwengxelo yeSoccer Laduma, ikamva likaSaleng lisengaba kwiPirates ngokomthombo ongachazwanga weqela xa ubuzwa ngalo mdlali.

“Kulindeleke ukuba umqeqeshi anike wonke umntu amazwi acocekileyo, icebo kukuya eSpain nelona qela linamandla, kwaye yena (uSaleng) uxakeke kakhulu encokweni,” utshilo uSiya.

USaleng wagqibela ukudlala kwiPirates ngomhla wesixhenxe kwinyanga yoMnga ngethuba ibamba i-Al Ahly kumdlalo weCAF Champions League e-Orlando Stadium, ebambene ngeqanda.

U-Saleng, nangona kunjalo, uchongelwe iBafana Bafana kumdlalo wokuhluzela i-African Nations Championship (Chan) eBloemfontein ekuqaleni kuka-Matshi kwaye, ngokwengxelo, uye wadlala kakuhle.

Owayesakuba siswini kwiPirates, uBenedict Vilakazi, nochithe ixesha lakhe elininzi (ngo-1999 – 2007) kwiZigebenga zaseSoweto, uwuphonononge lo mba kaSaleng, esithi akazuyifanela iChiefs.

“Ingaba nguye [uSaleng] lolo hlobo lomdlali onokudlalela iChiefs ngokwenene, indlela edlala ngayo? Andicingi njalo.

Umzekelo, jonga [uGaston] Sirino, akasenguye laa Sirino sasimazi kwiSundowns, ngenxa yohlobo lwabadlali abamngqongileyo,” utshilo uVilakazi kwi-omniaudioafrica YouTube Channel.

One thought on “Ikamva likaMonnapule Saleng liqaqambile emva kokufika komqeqeshi omtsha kwi Pirates

Comments are closed.