
U- Lwamba ujonge iiNgxilimbela zaseSoweto emva kwesizini entle
Inkwenkwezi yePremier League yaseBotswana uJean Lwamba uphupha kakhulu.
Lo mdlali wase Congo ufuna ukudlalela enye yeengxilimbela zaseSoweto apha eMzantsi Afrika – iKaizer Chiefs okanye i-Orlando Pirates.
Umfo ka Lwamba ube nesizini ebalaseleyo ka-2024/25 neTafic FC, egqibe engoyena mdlali uphambili kwiligi enamanqaku ali-15.
Indlela adlale ngayo yamenza wachongwa njengoMdlali obalaseleyo eBotswana, kuba wayezimisele Kwaye ebonisa umdla kulento ayenzayo.
Ngoku, ufuna umngeni omtsha. Ethetha neKickOff, lo mdlali ozithembileyo uthe ulilungele inyathelo elilandelayo kubomi bakhe ukujoyina iBetway Premiership.
“Ndifuna ukudlalela iqela eliphezulu eMzantsi Afrika,” utshilo umfo kaLwamba. “Ndikholelwa ukuba ndinganceda iKaizer Chiefs okanye i-Orlando Pirates kwiingxaki zabo zokufaka amanqaku.”
Umdlali oneminyaka engama-24 ubudala uthi angadlala njengomdlali ophakathi, okanye nakweliphi na iphiko, kuba uzithembile ukuba angenza umehluko kela maqela ase Soweto.
Ujoyine iTafic kwisizini ephelileyo kwaye usenonyaka oshiyekileyo kwinkontileka yakhe.
“Nayiphi na iklabhu enomdla kum kufuneka ithethe neqela lam kunye nomphathi,” utshilo. “Kodwa ndiyazi ukuba ndiyilungele iPSL.”
ULwamba uyazi ukuba ukuthetha kukodwa akonelanga. “Andifuni ukuthembisa amanani. Ndifuna nje ithuba lokuzibonakalisa, “wongezelela.
FUNDA KWAKHONA:ICT Spurs ithatha amanyathelo aphezulu kwityala layo
Ngelixa ezithembile kubuchule bakhe, uLwamba ukhetha ukuyiyeka imidlalo yakhe ithethe. “Ndithetha ebaleni,” uqukumbele watsho.
SIFUMANE KUFACEBOOK:Imidlalo Yoluntu.facebook.com
Njengoko iChiefs nePirates zombini zijonge ukonyusa uhlaselo lwazo, igama likaLwamba linokuvela kungekudala kwizihloko zotshintshiselwano ukuba umdla uyasesikweni.

Pingback: IChiefs ijongene nesigqibo esinzima malunga noSipho Mbule - Imidlalo Yoluntu