
IMamelodi Sundowns ibambelele komnye umdlali obalulekileyo
IMamelodi Sundowns ivuse ithuba lokukhetha omnye wabadlali oligqala ekudala ekhona kweli qela u-Thapelo Morena.
Lo mdlali owayesakuba ngumdlali we-Bloemfontein Celtic ujoyine iingxilimbela zaseTshwane esuka kwi Free State Stars engasekhoyo kwisithuba seminyaka elishumi eyadlulayo ngelixa uPitso Mosimane wayesaba ngumqeqesha weli qela.
UMorena watyikitya isivumelwano ngqesho esitsha ngonyaka ka-2020 ngexesha lokunqunyanyiswa kwebhola ngubhubhani we-Covid 19 kwaye esi sisivumelwano ebesimele siphelelwe, nangona i- Sundowns ibinokukhetha ukuyigcina inkonzo yakhe.
Lo mdlali uthathwa njengomnye wabadlali abanetalente kwaye abathembekileyo ebaleni.
Ngoku eChloorkop ngenxa yamava nobuchule bakhe bokubekwa kwiindawo ezahlukeneyo nangaliphi na ixesha ngabo bonke abaqeqeshi asebenze nabo ngaphambili.
ISundowns ibixakekile kwakhona ngesizini ka-2024/25 ngeBetway Premiership, ukhuphiswano lweendebe zasekhaya ezintathu kunye neCAF Champions League apho ithe yabethwa kumdlalo wamagqibela kankqoyi liqela le Pyramids.
UThapelo Morena wadlala kwimidlalo ye-39 njengobungqina kwakhona bexabiso lakhe kweli qela kwaye ngoku uya kuba yinxalenye yeqela leNdebe yeHlabathi yeFIFA.
Eli khetho lithetha ukuba iSundowns inomdlali wasemva ezincwadini zayo okungenani kude kube sekupheleni konyaka ozayo ngoJuni ka-2026.
Kodwa ke akukacaci okwangoku ukuba zikhona na iingxoxo eziseza malunga nesivumelwano ngqesho yakhe entsha ngokupheleleyo.
- FUNDA KWAKHONA:IKaizer Chiefs ilumkise ngokutyikitya uSipho Mbule
UThapelo Morena ungene kuluhlu lwabanye abadlali abaninzi ebekukhona kubo uTerrence Mashego, uKhuliso Mudau no-Aubrey Modiba.
- SIFUMANE KUFACEBOOK: Imidlalo Yoluntu.facebook.com
Kodwa eli qela lisandula ukukhulula abadlali basesiswini uRivaldo Coetzee noSipho Mbule kwaye ababadlali bebeluncedo kweli qela.

Pingback: I-Orlando Pirates inika iKaizer Chiefs umdlali wayo wasemva - Imidlalo Yoluntu