DStv PremiershipEzintsha

IPirates izakudlala nentshatsheli ze-Europa League iSevilla

Lukanyo Tshitshi

Ukulunguselela isizini ezayo yeDstv premiership ka2024/25, i-Orlando Pirates izakunquzulana nentshatsheli zangonyaka ka2023 ze-Europa League kumdlalo wobuhlobo ngomhla we-15 July 2024, e-Estadio Jesus Navas stadium, eSpain.

Oku kubhengezwe yiSevilla kwikhasi lonxebelelwano, uX(osela kwaziyo ngo-Twitter) ngoLwesine.

Ezindaba zifika emva kwenyanga i-TS Galaxy nalo elidlalo kwiDstv Premiership labhengeze ukuba lizakudlala umdlalo wobuhlobo nokulungisela isizini ka-2024/25 neqela laphesheya kolwandle, eJamani, i-Ausgusburg.

Ayikokokuqala aMabhakhaniya enquzulana neqela lase-Europe. Kumalungiselelo alesizini isandokuphela ka-2023/24, amakhwenkwe kaJose Riveiro adlale neUD Las Palmas edlala kwiLaliga, Independiente del Valle ezinze kwisixeko sase-Singolqui kwilizwe lase-Ecuador kunye nentshatsheli zase-Isreal iMaccabi Tel Aviv.

Kulo midlalo mithathu, iqela lika-Riveiro laphumelela imidlalo emini ze ladlala ntanganye komnye.

Kumalungiselo alonyaka Iqela eziMnyama liyinxalanye yamaqela amabini aziwayo kwilizwe jikelele azakudlala neSevilla kwimidlalo yobuhlobo ezakudlalwa ukulungiselela isizini ka2024/25 ye-Laliga.

ISporting Lisbon lase-Portugal eliqeqeshwa yincubab’chopho uRuben Amorim kunye neqela elidlalelwe ligqala leReal Madrid, uKarim Benzema negqala lomdlali wasesuswini uN’golo Kante, i-Al-Ittihad ngamanye amaqela azakudlala neSevilla kule midlalo yobuhlobo.

ISevilla esililo iqela elisaphumelele indebe ye-Europa League/ UEFA cup amahlandlo amaninzi kwilizwe jikelele emva kokuyiphumelela izihlandlo ezisixhenxe.

Ngokwamehlo wabaninzi, lemidlalo idlalwa yiPirates iyalilola eliqela lase-Soweto, mhlawumbi kwisizini ezayo eliqela lika-Riveiro lingangumngeni lixabe endleleni yeMamelodi Sundowns ekudala yongamela kwiDstv Premiership.