
Uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi uZizi Kodwa otyholwa ngorhwaphilizo
UMphathiswa wezemidlalo neNkcubeko uZizi Kodwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yasePalm Ridge ngoLwesithathu.
Ujongene nezityholo zorhwaphilizo ezifikelela kwi-R1.7 yezigidi zeerandi.
Oku kulandela izindululo zeJaji eyiNtloko uRaymond Zondo ngo-2021 zokuba uKodwa asuswe kwiKhabhinethi kwaye abekwe ityala lorhwaphilizo.
La mabango asusela kwixesha lakhe njengesithethi se-African National Congress (ANC) kwanelungu lekomiti elawulayo kazwelonke (NEC).
Ngexesha lekomishini yokubanjwa kombuso ngobhongwana(State capture), kwadizwa ukuba ubomi obuntofontofo bukaKodwa buxhaswe ngusomashishini nowayesakuba ngumphathi we-EOH, uJehan Mackay.
Kutyholwa ukuba umphathiswa waba nefuthe ekunikezelweni kwezivumelwano kwinkampani i-EOH nje ngembuyekezo.
