
Ulahlile kwisikhundla sakhe uMphathiswa wezemidlalo, ubugcisa neNkcubeko,uZizi Kodwa
Lukanyo Tshitshi
Emveni kweyure ezimbalwa uZizi Kodwa evele enkundleni zamatyala ngentseni yangoLwesithathu, isebe lezemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko libhengeze ukurhoxa kwakhe ngengoMphathiswa welisebe.
UZizi Kodwa uvele kwinkundla ekhethekileyo yolwaphulo-mthetho lwezorhwebo ehleli ePalm Ridge, eJohannesburg.
UKodwa kunye natyholwa naye, uJahen Mackay bajongane namatyala orhwaphilizo afikelela kwi-R1.7 Million.
Ingxelo ekhutshwe lisebe lezimidlalo, ubugcisa nenkcubeko iveze ukuba loka-Kodwa uzithathele ngokwakhe isigqibo sokushiya kwesikhundla.
“ Umnumzana Zizi Kodwa, olilungu lePalamente, ubhengeza ukurhoxa kwakhe ngoko nangoko njengoMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko. Oku kuvele nanjengoko umnumzana Kodwa ephikisa izityholo atyatyekwa zona, nazikhanyela kabukhali.
“Umnumzana Kodwa uxelele umongameli ukuba uza kurhoxa njengoMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko kunye nelungu lekhabhinethi emva kokuba ebekwe ityala ngokusesikweni.
“Umnumzana kodwa uvakalise umbulelo ongazenzisiyo kumongameli kunye neqela elilawulayo ngethuba elinikwayo lokusebenzela isizwe,” itshilo ingxelo.
Kwangentseni yangolwesithathu njalo phambi kokurhoxa kuka Kodwa, isithethi sikazwelonke se-African National Congress (ANC), uCde Mahlengi Bhengu-Motsiri uvakalise ukuba kweziganeko ezifana nezi zika Kodwa umgaqo-nkqubo we-ANC wokubekela bucala uzakumiliselwa.
UBhengu-Motsiri ebethetha nonondaba eLuthuli House ngeziphumo zeKomiti yeSizwe eSebenzayo ye-ANC.
