Bafana BafanaEzintsha

UBroos ucacise ngokubuya kukaFoster eqeleni lakhe

Umqeqeshi weBafana Bafana, u-Hugo Broos, ubize uLyle Foster kwiqela lakhe lokugqibela labadlali abangamashumi amabini anesithathu abaza kudlala neNigeria kumdlalo onzima weNdebe yeHlabathi ka-2026 kwinyanga ezayo.

UBroos uqhubekile nokungamhoyi umgadli we-Orlando Pirates, uTshegofatso Mabasa.

IBafana iqubisana neNigeria e-Uyo ngomhla wesixhenxe kweyeSilimela kunye neZimbabwe eBloemfontein ngomhla weshumi elinanye kweyeSilimela.

UMabasa ugqibe engoyena mdlali ubalaseleyo kwiPremiership enamanqaku alishumi elinesithandathu, elinye liphambi kuka-Iqraam Rayners weStellenbosch FC.

UFoster ushiywe kwiqela leBafana eliphumelele ubhedu kwi-Africa Cup of Nations (Afcon) e-Ivory Coast ngoJanuwari nangoFebruwari emva kokucela ukuba angafakwa ngenxa yeengxaki zempilo ezithe zamvalela ngaphandle iiveki ezisixhenxe eBurnley ngethuba efuna unyango.

IBurnley yadliwa lizembe kwiPremier League kwiiveki ezidlulileyo.

Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos ekubuyeni kukaLyle Foster kwiqela lakhe!

Ebuzwa malunga nokungaqiniseki ngekamva likaFoster kunye neqela lesizwe ekubonakala ngathi yinto yakudala ngoku, u-Broos uthe ube neengxoxo neBurnley ngaphambi kokuba aphinde afake umdlali kwakhona.

“Ziphelile iingxaki zakhe zempilo,” ucacise watsho umqeqeshi ngethuba ebhengeza iqela lakhe kwiSABC Sport.

“Kwaye ndiyazi ukuba ngesinye isihlandlo ndandingonwabanga kakhulu kuba sifumene iindaba kaLyle engekakulungeli kwaye enengxaki yengqondo kwaye ngequbuliso waqala ukudlala neBurnley [phambi kwe-Afcon].

“Ngoko siye sadibana [neqela lase-England kwakhona kwaye bathi, ‘Ewe, kodwa akakakulungeli’. Kwaye noLyle usibhalele ileta ukuba akafuni ukuya kwi-Afcon. Yiyo loo nto wayengekho nathi e-Ivory Coast.

“Emva koko, [kumdlalo wobuhlobo owawuphakathi kweBafana ne-Andorra kunye-Algeria] ngo-Matshi ndaphinda ndanxibelelana nabo bathi, ‘Hayi-kungcono ukuba ungambizi kuba akakakulingeli ncam’.

“Kodwa usadlale yonke imidlalo yeBurnley, khange kubelula ukuyamkela lo nto. Kodwa kulungile, ndalandela izizathu zonyango zokuba kutheni ndingenakumthatha.

Kodwa ngoku, yonke into yayilungile. Ndiye ndamtsalela umnxeba [Foster] sancokola kumnandi. Nditsalele umnxeba [ebesangumphathi weBurnley uVincent] uKompany kwaye sancokola kamnandi. Ngoko akusekho ngxaki kwaye yiyo loo nto uLyle ekunye nathi kwakhona.” 

UMzantsi Afrika ukwindawo yesibini kuGroup C ngamanqaku amathathu eRwanda inamane. INigeria, iLesotho kunye neZimbabwe banamanqaku amabini kunye neBenin elinye.

Amaqela aphezulu avela kumaqela alithoba ase-Afrika azaya kudlala iNdebe yeHlabathi yokuqala yamaqela angama-48 eCanada, eMexico nase-US.

IBafana iqale ngo 2-1 iphumelele idlala neBenin eMoses Mabhida Stadium eThekwini, emva koko yabethwa ngo 2-0 ekuhambeni neRwanda, yomibini kweyeNkanga kunyaka ophelileyo.

Ukuqala kakubi kweNigeria, ukudlala ngokulingana neLesotho neZimbabwe, kulishiye livuleke iqela kwaye uMzantsi Afrika ungazibeka kwindawo yokuqhuba ngeziphumo ezincumisayo kwimidlalo yenyanga ezayo.

Ukudlala ngokulingana eNigeria kunye nokuphumelela ekhaya kwiZimbabwe kuya kubonwa njengesiphumo esihle nguBroos.