
Le yisizini angasokuze ayilibale uMabasa
Lukanyo Tshitshi
Nangona isizini ayiqale ekwimbolekiso, le iza kuba yisizini azakuyikhumbula unaphakade uTshegofatso Mabasa, njengoko ephume newonga lokufaka amanqaku amanintsi kwiqela lakhe, i-Orlando Pirates nanjengoko rli qela libuyela kwiCAF Champions League.
Emva kokubolekiswa izihlandlo ezibini ezilandelelanayo kwiSekhukhune United kwisizini ka-2023/24 kunye nakwi-Moroka Swallows kumjikelo wokuqala wesizini ka-2023/24, uMabasa uqinise indawo yakhe kwiPirates, wabeka ngaphandle kuZakhele Lepasa, oqale isizini ngamandla amangalisayo, kunye noEvidence Mokgopa.
UMabasa ukhwetywe ngamaBhakabhaka ngoJanuwar ka2024 ezovala indawo kaBienvenu Eva Nga, owayeyishiyile iPirates wabuyela kwiChippa United nokomeleza uhlaselo lwe-Pirates emva kokufaka amanqaku amathandathu kwimidlalo elishumi elinesihlanu kwiSwallows kulo lonke ukhuphiswano.
Ukusukela ngoko, lo mdlali oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala, ufumene umnatha izihlandlo ezilishumi linesithathu kwimidlalo elishumi elinesixhenxe ayidlalileyo kwi-Pirates kulo lonke ukhuphiswano, wongeza kumanqaku wakhe ayi-19 edibene kwiSwallows nakwiPirates.
Into eye yamangalisa abalandeli abaninzi bebhola ekhatywayo, ngakumbi kubalandeli bezimnyama, kukukhutshelwa ngaphandle kukaMabasa kwiqela leBafana Bafana eliza kukhuphisana neZimbabwe neNigeria kwinyanga ezayo kumdlalo wokuhluzela iNdebe yeHlabathi yeFIFA ka-2026.
Kodwa oogxa bakhe uPatrick “Tito” Maswanganyi, uRelebohile Mofokeng, uEvidence Makgopa, noThapelo Xoki babonakale bekulungele ngokwaneleyo ukuba bangakhethwa babeyingxalenye yeqala labadlali abayi-32 eliza kuncitshiswa libe ngabadlali abayi – 23 phambi komdlalo neSuper Eagles ngomhla we-7 June 2024 eGodswill Akpabio Stadium eNigeria.
Emva kokubanesizini etaka intlantsi phambi kwezinti, uMabasa ngomnye wabadlali bePirates abachongiweyo kumawonga ePremier Soccer League (PSL) ka-2024 abhengezwe yiPremier League ngoLwesihlanu.
Okumangalisayo kukuba, uMaswanganyi, nobenesizini entle kakhulu kwi-Orlando Pirates, ushiywe ngaphandle kubadlali abaveleleyo kule sizini, okuquka uRonwen William noTeboho Mokoena beMamelodi Sundowns no-Iqraam Rayners weStellenbosch.
Umqeqeshi oyintloko weZimnyama noyinzalelwane yaseSpain, uJose Riveiro, kubonakala ngathi ubuyise imihla yodumo Es’godini Sika-Mabinzela, nanjengoko ekhokele ezimnyama kwimidlalo yamagqibela kankqoyi waphumelela emithathu indebe, iMTN8 ezimbini, nendebe yeNedbank enye kwiisizini zakhe ezimbini eMzantsi Afrika.
Iqela likaRiveiro ngoku libhekise imibombo eMpumalanga eMbombela Stadium apho lizakudlala khona neqela likaRulani Mokwena, iMamelodi Sundowns, kumdlalo wokugqibela weNedbank Cup Ke Yona ngomhla we- 1 June 2024.
Ugqibela kwawo ukudibana la maqela kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwakusekupheleni konyaka ophelileyo kumdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN 8, nalapho iPirates yaphumelela khona ngo’3-1 kumapenela.
