
Kutheni ngathi alikho iqela elifuna iChampions League ?
I-Orlando Pirates neStellenbosch FC, kubonakla ngathi akekho ofuna indawo yesibini njengoko lamaqela omabini ebethiwe kwakho kwimidlalo eyandulela oyokugqibela kwimidlalo yeDstv Premiership kulesizini.
La maqela akuqhelile ukufumana iziphumo ezifanayo xa edlala ngaxeshanye kwiligi.
Bekulindeleke ukuba zitshintshe izinto kwitafile yeligi xa iStellies izakuqubisana neMoroka Swallows, ngelixa iPirates izakudlala neRichards Bay FC.
Into eyenzekayo kukuba ezikaSteve Barker zabethwa ngo’2-0 yiSwallows, ngelixa iBucs yabethwa yiNatal Rich Boyz ngo’1-0.
NgoMgqibelo, abalandeli beBucs bebefuna iMamelodi Sundowns iphumelele xa iqubisana neStellenbosch, ukuze bayoyise. ISundowns yenze lo nto yaphumelela ngo’1-0 kodwa iPirates nayo yabethwa yiTS Galaxy ngo’1-0.
Indlela eyenzeke ngayo ubungafunga ukuba la maqela ayalingana njengokuba abethwe ngawo omabini, akukho mahluko kwilog.
Nasekufakeni amanqaku amaninzi yinto efanayo nakula maqela. UTshegofatso Mabasa weBucs, unamqaku alishumi elinesihlanu, kuthi u-Iqraam Rayners weStellies unamanqaku ali-14, abakwazanga ukongeza manqaku kule mpelaveki.
Sithetha nje iStellies ikwindawo yesibini ngamanqaku angama-50, iBucs ikwindawo yesithathu ngamanqaku angama-49. Ingathi izophela ngoluhlobo xa ujonga indlela ezenzeka ngayo kula maqela.
Iqela eliza kuphuma kwindawo yesibini liza kudlala kwiCaf Champions League, ngelixa eliza kuphuma kwindawo yesithathu liza kudlala kwiCaf Confederation Cup.
