
IKaizer Chiefs iceba ukukhweba umqeqeshi weTS Galaxy
Lukhanyo Tshitshi
IKaizer Chiefs esele lihambe umgama omde lingenamqeqeshi oyintloko liceba ukuvula iintetho nomqeqeshi weTS Galaxy osaqhuba kakuhle okwangoku kwiRockets, uSead Ramovic, malunga nesihlalo somqeqeshi oyintloko kweliqela kwisizini ezayo ka2024/25.
Ngokwengxelo zeTransfermakert, Amakhosi ambona uRamovic njengomqeqeshi osilungelo esisihlalo kwaye kulindeleke ukuba kuqale iintetho phakhathi kuRamovic neKaizer Chiefs.
“Iqela [le-Kaizer Chiefs] liza kubamba iingxoxo naye [Ramovic] kwezi ntsuku zimbalwa zizayo, nto leyo enokuthi ihlahle indlela yexesha elitsha kwiKaizer Chiefs FC.
“Njengoko iChiefs iqhubeka nokukhangela umqeqeshi oyintloko oza kubuyisa udumo lwayo lwangaphambili, iziqinisekiso zikaRamović zimenza umgqatswa owomeleleyo.
“Ngomndilili wamanqaku e-1.48 ngomdlalo ngamnye kwi #DStvPrem kule sizini, ingcali eyazalelwa eStuttgart ibonakalise amandla akhe okuhambisa iziphumo,” itshilo ingxelo evela kwiTransfermarkt.
Kwiiveki ezidlulileyo loka-Ramovic ushiye abathandi nabalandeli bebhola ekhatywalo eMzansi Afrika bothukile ngentetho yakhe emva kokudla ntanganye ngo 2 – 2 kumdlalo obuphakathi kweKaizer Chiefs neTS Galaxy eFNB stadium,kwiveki ephelileyo.
“Ndiyathemba ukuba iChiefs izakbuya ngamandla, ikwindawo yesithathu ephezulu.
“Ndicinga ukuba kwixa elizayo bazokwenza izinto ngcono, baliqela elisemgangathweni nabaxhasi abahle,” watsho lokaRamovic.
Ingaba uRamovic ebesikrobisa kwinto esingayibona isenzeka kungantsuku zatywala?
Sele izinyanga ezisisibhozo emva kokwehla kuka Molefi Ntseki njengomqeqeshi oyintloko kwabekwa ibambela mqeqeshi, uCavin Johnson, ongaqhubi kakuhle ukuzakuthi ga ngoku.
Emva kokudlala imidlalo engamashumi mabini anesibhozo, Amakhosi ahleli kwindawo yesibhozo kwitafile yeDstv Premiership ngamanqaku angamashumi mathathu anesihlanu emva kokuphumelela imidlalo elithoba, badlala ntanganye kwesibhozo ze baphulukana nesixa semidlalo elishumi elinanye.
Kule midlalo mibini ishiyekile phambi kokuba kusongwe isizini, iGlomour Boys zizakutshona edabini zilwelwa ukuhlala kwiTop 8.
Ngomgqibelo Amakhosi azakudla umdlalo wawo wokugqibela ekhaya kule sizini xa bevana amandla nePolokwane City ze kwimpela veki ezayo badlale neCape Town Spurs ekuhambeni esele isikwe lizembe.
