Ezintsha

ISundowns igqugqisile kumsitho weembasa zeCOSAFA

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRhulani Mokwena, uhambe newonga lomqeqeshi wonyaka ngelixa uRonwen Williams, ongunozinti weli qela, ehambe noyena nozinti uphume izandla kwiimbasa zeCouncil of Southern Africa Football Associations (Cosafa) kumsitho obubanjelwe eSandton Convention Centre, eRhawutini, ngoLwesini ebusuku.

Ezi mbasa zibanjwe okokuqala,zijolise ekubhiyozeleni abadlali, abaqeqeshi noosompempe abaqhuba kakuhle kunyaka ophelileyo.

Phakathi kweembasa ebezijongwe kakhulu,ngumqeqeshi wonyaka kumadoda nabasetyhini, oyena mdlali wonyaka kumadoda nabasetyhini, nonozinti wonyaka kumadoda nabasetyhini.

Ethetha ngethuba esamkela iwonga, uMokwena ubancomile abadlali bakhe.

“Eli wonga lelabadlali bam bonke, liqela elimangalisayo elisoloko liphumelela, ngendingekho apha ngaphandle kwabo, ndiyalibulela iqela lam iMamelodi Sundowns ngenkxaso abandinika yona,” utshilo uMokwena.

Ngaphandle kukaMokwena, iSundowns iphumelele iimbasa ezibalulekileyo eziquka oyena nozinti wamadoda nabasetyhini abaphumelele uRonwen Williams no-Andile Dlamini ngokwahlukeneyo.

UWilliams ubalule ukuba ibaluleke kakhulu into eyenziwe yiCosafa.

“Ndiyayibulela iCosafa, oku kuchongwa kuthetha lukhulu, ndibamba ngazibini koogxa bam nakuwo wonke umntu okwiqela leSundowns, ingakumbi abaqeqeshi bam abasoloko bendityhala,” utshilo uWilliams.

Abafumene iimbasa bebonke :

Men’s player of the year: Percy Tau (South Africa)

Women’s player of the year: Racheal Kundananji (Zambia)

Men’s coach of the year: Rulani Mokwena (Mamelodi Sundowns)

Women’s coach of the year: Dr Desiree Ellis (South Africa)

Men’s goalkeeper of the year: Ronwen Williams (Mamelodi Sundowns & South Africa)

Women’s goalkeeper of the year: Andile Dlamini (Mamelodi Sundowns Ladies & South Africa)

Men’s most promising player: Thapelo Maseko (Mamelodi Sundowns & South Africa)

Women’s most promising player: Leticia Chinyamula (Ascent Academy & Malawi)

COSAFA best male referee: Jerson Dos Santos (Angola)

COSAFA best female referee: Diana Chikotesha (Zambia)

COSAFA most promising referee: Tsiaro Randriambololoma (Madagascar)

COSAFA referee legend: Victor Gomes (South Africa)

Lifetime achievement for services as a player: Janine Van Wyk

Lifetime achievement in services to refereeing: Felix Tangawarima

Lifetime achievement in services to women’s football: Fran Hilton-Smith

Lifetime achievement in services to coaching: Sunday Chidzambwa

Lifetime achievement in services to the media: Mark Gleeson