Bafana BafanaDStv PremiershipEzintsha

I-Al Ahly iza ‘kuhenda’ iSundowns ngomdlali wayo

Asiyomfihlo into yokuba uTeboho Mokoena utsale umdla kumaqela aseYurophu kwaye i-Al Ahly yase-Egypt ibonakala izimisele ngaye.

Emva kwe-AFCON, kwavakala ukuba kukho amaqela adlala kwi-English Premier League nakwiFrench Ligue 1 akhangela lo mdlali.

UMokoena ujoyine iMamelodi Sundowns kweyoMqungu ka-2022, esuka kwiSuperSport United.

Ngaphambi kokujoyina iBrazilians, wayemataniswa neKaizer Chiefs.

Oko efikile kwiSundowns, uMokoena ube yintsika kuyo.

Izinga lakhe liphezulu kakhulu phantsi komqeqeshi uRulani Mokwena.

Ukusukela oko wafika kweli qela, uphumelele iindebe ezintathu zeligi, iMTN8, iNedbank Cup kunye ne-African Football League Cup.

NakwiBafana Bafana uMokoena ngumdlali obalulekileyo.

Ukusukela oko uMokoena ebedlala kakuhle kwiBafana ngexesha le-Afcon, ayothusi into yokuba abe yinyama kumaqela ohlukeneyo.

Elinye lamaqela abonakala enomdla yi-Al Ahly.

Iingxelo zeKickOff.com, eli qela laseYuphutha linesicwangciso sokuhenda iSundowns xa kuvulwa ixesha lokuthengwa kwabadlali.

“Nanjengoko i-Al Ahly ingafumana imali eninzi ukuba ingathengisa umdlali waseMali, uAliou Dieng eSaudi Arabia, baza kujonga indawo yakhe kufakwe uTeboho Mokoena.

“UDieng (26) ufunwa ngamaqela aseQatar naseSaudi Arabia, apho iAhly inokufumana imali ephakathi kweR55-million ne110 yezigidi zeerandi.

“Akukho mathandabuzo ukuba into eza kufunyanwa yi-Ahly ngokuthengiswa kukaDieng yimali eza kwenza iSundowns imamele.

Ukuba ujonga imali echithwe yiSundowns ngokutyikitya abadlali kutshanje – ingakumbi uMarcelo Allende – ayilibazisi ukuhlawula malunga neR74 yezigidi zeerandi.

Nangona kunjalo, akubonakali ngathi kuya kuba lula kwiSundowns ukuthengisa uMokoena kwi-Al Ahly phambi kweFifa Club World Cup kunyaka ozayo.

ISundowns lelinye lamaqela azakube edlala kule tumente ezakube inamaqela angamashumi amabini anesine okokuqala.