DStv PremiershipEzintsha

Isaphefumla ngenxeba iSpurs nangona iphumelele

Eli qela laseKapa liphumelele  ngo 1- 0 lidlala neRoyal AM , kumdlalo weDStv Premiership, eHarry Gwala Stadium, ngoLwesibini ebusuku.

Oku kuyinika ithuba lokuphefumla njengoko ivale umsantsa wamanqaku amahlanu phakathi kwayo neRichards Bay FC.

Iyafikelela esiphelweni imidlalo yeDStv Premiership kwaye kulwelwa emsileni ukujonga ukuba leliphi iqela eliza kuthotywa ekupheleni kwesizini.

Ngoku iNatal Rich Boyz inamanqaku angamashumi amabini anesithathu kwimidlalo engamashumi amabini anesithandathu. I-Spurs ine-18 kwimidlalo engama-27.

IBay inethuba lokuvula isithuba kwakhona ngoba izakuqubisana nePolokwane City, e-Old Peter Mokaba Stadium, ngoLwesithathu ebusuku, kumdlalo ekulindeleke ubenzima endleleni.

Ukuhlala kweSpurs kwiPremiership kuxhomekeke ekuphumeleleni kwayo yonke imidlalo eshiyekileyo neNatal Rich Boyz ibethwe kweyayo.

Nangona kunjalo, i-Urban Warriors ibonakala ilwa kude kube sekupheleni, kwaye umqeqeshi wayo u-Ernst Middendorp uyayifuna loo nto.

“Sisenalo ithemba elincinane. Kuya kufuneka siyiphumelele imidlalo yethu kwaye sibone ukuba kwenzeka ntoni, ”utshilo umqeqeshi phambi komdlalo neRoyal AM.

Kumdlalo olandelayo, iSpurs iza kudibana neSuperSport United, ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, emva kwemini ngoMgqibelo.

Emva koko, baza kundwendwela iLamontville Golden Arrows ngoMeyi 18, bavale isizini bedlala neKaizer Chiefs ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuCanzibe.