
UMabasa uthe ufuna ukuhlohla amanqaku de kuphela isizini
Umdlali we-Orlando Pirates, uTshegofatso Mabasa, uthi ufuna ukuqhubeka nokufaka amagowuli kude kuphele isizini.
Le folosi uqinise ukhuphiswano kumdlali oza kugqiba enamagowuli amaninzi kule sizini, emva kokuba efake amagowuli amabini kwiCape Town City.
Kulo mdlalo weDStv Premiership ophele ngo 2-0, eDHL Cape Town Stadium, ngenjikalanga yangoLwesithathu, iPirates ivuke ngequbuliso kwisiqingatha sesibini.
“Ibizimini ezinzima ezimbalwa kodwa besifuna ukusebenzisa onke amathuba ebesinawo,” utshilo uMabasa ochongwe njengoyena mdlali ubalaseleyo.
“Ndingumgadli kwaye kufuneka ndigxekwe ukuba andifakanga manqaku. Ukuba ndifumene amathuba amathathu ndifuna ukuwabeka onke emnatheni.
“Siliqela elikhulu kwaye kufuneka sidlale kwiCaf Champions League qho kwiisizini.
“Siza kuqhubeka nokuzama ukufumana amanqaku amathathu apho kunokwenzeka.”
Eyona nto ibalaseleyo kulo mdlalo kukuba isihlangu besikhala zisuka nje.
Oku kukhokelele ekubeni uKeanu Cupido weCitizens akhutshwe ngekhadi elibomvu kwisiqingatha sokuqala kulandela ukudlala kakubi kukaMiguel Timm.
UTimm uphinde wafumana umngeni kuJaeden Rhodes, ofumene ikhadi elityheli, kwisiqingatha sesibini kodwa wakwazi ukuqhubeka nomdlalo.
Ngomzuzu wamashumi amahlanu anethoba, igowuli lide lavela lifakwa nguTshegofatso Mabasa, yaze iBucs yakhokhela.
Lo mgadli ufake igowuli lakhe leshumi elinesibini kule sizini, nto leyo ethetha ukuba ubesemva kwegowuli elinye emva kuka-Iqraam Rayners oqale usuku ena-13.
Noxa kunjalo, uMabasa khange agqitywe njengoko ebuyile ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesithathu wafaka inqaku lesibini leBucs.
Kumdlalo wangoLwesithathu, iRayners iphinde yafaka amanqaku, nto leyo ethetha ukuba uhamba phambili ngamagowuli alishumi elinesine.
Le mpumelelo yePirates iyibeke kwindawo yesibini okwethutyana njengoko iStellenbosch sizakudlala umdlalo wabo neLamontville Golden Arrows.
IStellies iphumelele umdlalo ngo 3-0, iPirates yabuyela kwindawo yesithathu.
Ngoku iStellies inamanqaku angamashumi amane anethoba, ngelixa iPirates inamanqaku angama-46.
Kumdlalo olandelayo, iBucs iza kudibana neChippa United kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weNedbank Cup, eNelson Mandela Bay Stadium, ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu emva kwemini.
IiChilli Boys zibethwe yiMoroka Swallows ngo 2-1 kumdlalo weligi goLwesithathu.
Komnye umdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weNedbank Cup, iStellenbosch FC neMamelodi Sundowns zizakuhlangana eKapa, emva kwemini ngeCawe.
